YouVersion Logo
Search Icon

1 YEZIGANEKO 16

16
1Bahamba nayo ityesi kaThixo, bayibeka ngaphakathi kwintente eyenzelwe yona nguDavide, baza ke benzela uThixo amadini atshiswayo nawobudlelwane. 2Uthe akugqiba ukwenza loo madini atshiswayo nawobudlelwane uDavide wacelela abantu amathamsanqa kuNdikhoyo. 3Kamva ke wonke umSirayeli, indoda nomfazi, wamnika iqebengwana lesonka nesuntswana leedatile neleerasentyisi.
4Wamisela abaLevi abathile ukuze balungiselele phambi koNdikhoyo, benze izikhungo, imibulelo, neendumiso zokubonga uNdikhoyo uThixo kaSirayeli. 5Babekhokelwa nguAsafu, isekela inguZakariya, kulandela uYehiyeli, uShemiramoti, uYehiyeli, uMatitiya, uEliyabhi, uBhenaya, uObhedi-edom, noYehiyeli. Babeza kukhalisa imirhubhe neehapu, uAsafu abethe amacangci, 6ababingeleli uBhenaya noYaziyeli bona bavuthele amaxilongo njalo-njalo apho phambi kwetyesi yomnqophiso kaThixo.
Umhobe wokubulela
(Ndum 105:1-15; 96:1-13; 106:1,47-48)
7Ngaloo mini ke uDavide wanikela lo mhobe wokubulela *uNdikhoyo kuAsafu namahlakani akhe:
8Bulelani uNdikhoyo, ninqule igama lakhe,
nizibalisel' iintlanga ngezintw' asenzele zona.
9Mombeleleni, mbongeni,
zixeleni izintw' ezimangalisayo asenzele zona!
10Qhayisani ngegama lakhe elilodwa;
mabachwayite abo bamnqulayo uNdikhoyo!
11Lufuneni kuNdikhoyo uncedo;
mfunen' aph' akhoyo ngawo onke amaxesha.
12Ze nizikhumbule izinto asenzele zona:
imimiselo ayenzileyo, nemithetho ayiwisileyo.
13Nina niyinzala yesicaka sakhe uSirayeli,
nilusapho lukaYakobi umnyulwa wakhe.
14UThixo wethu nguNdikhoyo;
yeyehlabathi lonke imithetho yakhe.
15Akasokuwulibala naphakade umnqophiso wakhe,
awawenzela izizukulwana ngezizukulwana.
16Ndixel' umnqophiso awawenza noAbraham,
kwanesifungo asenze kuIsake.
17Kaloku wamnik' ummiselo uNdikhoyo uYakobi,
wamnik' umnqophis' ongasoz' uphele uSirayeli,
18esithi: “Wena ndokunik' umhlaba waseKanana,
ube sisabelo esililifa lakho.”
19Babengabantw' abambalwa nje, bengazelwe nto;
babengabaphambukeli kuphela nje kuloo mhlaba.
20Babebhadula kumazwe ngamazwe,
besuka kolunye ulawulo baye kolunye.
21Kodwa uThixo akavumanga ukuba batsaliswe nzima;
ude wazohlwaya neekumkani ngenxa yabo.
22Watsho esithi: “Ze ningabachukumisi abathanjiswa bam,
ningakhe nibenzakalise *abashumayeli bam.”
23Mombeleleni uNdikhoyo, hlabathi lonke,
zivakaliseni mihla le iindaba zakhe zosindiso.
24Zibaliseleni ngesihomo nesithozela sakhe iintlanga;
zixeleleni ngemimangaliso ayenzileyo zonke izizwe.
25Kaloku yingangalala uNdikhoyo, ufanelwe yimbeko enkulu.
Ufanelwe kukoyikwa ngaphezu kwezithixo zonke,
26kuba yimifanekiso nje izithixo zeentlanga,
kodwa yena uNdikhoyo wadal' oomazulu.
27Yena unesihomo nesithozela;
kukho ubungangamsha nemincili ekhayeni lakhe.
28Mbongeni uNdikhoyo, nina bemi bomhlaba;
mbongeni kuba unewonga namagunya.
29Mnikeni imbeko efanele igama lakhe;
sondezani amadini, nize phambi kwakhe.
Mnquleni uNdikhoyo, yena unesihomo nesithozela.
30Malingcangcazele lonk' ihlabathi phambi kwakhe;
nguye oya kubagweba ngobulungisa bonke abantu.
31Gcobani, mazulu, lichwayite ihlabathi.
Zixeleleni iintlanga ukuba uNdikhoyo nguKumkani.
32Gquma, wena lwandle, nako konke okwakho;
makayeyezele amadlelo nezinto ezikuwo.
33Mayombele imithi emahlathini, ibe nemihlali phambi koNdikhoyo,
kuba uyeza uNdikhoyo – uza kuligweba ihlabathi.
34Bambani ngazibini, kuba ulungile uNdikhoyo.
Kaloku izibele zakhe ziya kuhlala zikho ngonaphakade.
35Hlahlambani nithi: “Sisindise, Thixo onguMsindisi wethu!
Siqokelele usihlangule phakathi kweentlanga,
ukuze sikubulele, silibonge igama lakho elingcwele.”
36Makabongwe uNdikhoyo uThixo kaSirayeli
kususela ngoku kude kube nini-nini!
Ke kaloku bonke abantu bathi: “Huntshuu! Makabongwe uNdikhoyo!”
Unqulo eJerusalem naseGibheyon
37Ke kaloku uDavide wamshiya apho phambi kwetyesi kaNdikhoyo uAsafu namahlakani akhe ukuze basoloko belungiselela ngokweemfuneko zemini nganye. 38Kananjalo wamshiya no-Obhedi-edom namahlakani akhe angamashumi amathandathu ukuze nabo balungiselele. UObhedi-edom, unyana kaJedutun, kunye noHosa, yayingabagcini-masango.
39Umbingeleli uZadoki namahlakani akhe uDavide wabashiya esibingelelweni sikaNdikhoyo kwindawo yonqulo eGibheyon, 40ukuze bahlale besenzela uNdikhoyo amadini atshiswayo kwelo qonga lamadini atshiswayo, loo nto ke beyenza kusasa, nasemalanga, ngokwemimiselo yonke ebhalwe encwadini yomthetho kaNdikhoyo leyo wayinikezela kuSirayeli. 41Apho kubo ke washiya noHeman noJedutun nabo bonke ababenyuliwe bakhankanywa ukuze benze imibulelo kuNdikhoyo ngenxa yezibele zakhe ezingatshitshiyo. 42UHeman noYedutun ngabo ababemiselwe ukuhlokomisa amaxilongo namacangci kananjalo badlale nezinye izikhalisi zeengoma zokudumisa uThixo. Ke bona oonyana bakaYedutun bamiselwa isango.
43Ke kaloku bonke abantu bemka, yangulowo nalowo wagoduka. NoDavide ke wagoduka, waya kuthamsanqela usapho lwakhe.

Currently Selected:

1 YEZIGANEKO 16: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy