YouVersion Logo
Search Icon

1 KWABASEKORINTE 1

1
Isingeniso
1Kubhala mna Pawulos ndibizwe *ndangumthunywa kaYesu Krestu ngokuthanda kukaThixo. Ndibhala ndikunye noSosteno uwethu. 2Ndibhalela ibandla likaThixo eliseKorinte, abakhethwe ngokumanywa noKrestu Yesu, bebizelwe ukuba yimilowo yakwaThixo ndawonye nabo bonke abalinqulayo ezindaweni zonke igama leNkosi yethu uYesu Krestu, oyiNkosi yabo kwaneyethu. 3Kuni ke ndithi: Makube sisisa, kube luxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi uYesu Krestu.
Umbulelo
4Ndihlala ndimbulela ngani uThixo wam ngenxa yesisa anibabale ngaso ngokunimanya noYesu Krestu. 5Kaloku, nimanyene noKrestu nje, ninendyebo ngezinto zonke, ekuthetheni nasekwazini ngokupheleleyo. 6Kaloku iindaba ezingoKrestu zithe zamila kuni, 7kangangokuba aniphoswanga nasinye isipho esivela kuThixo ngeli xesha nikulindeleyo ukubonakala kweNkosi yethu uYesu Krestu. 8INkosi uYesu Krestu iya kunomeleza kude kube sekupheleni, ningabi nabala ngeMini yayo. 9Uthembekile uThixo, yena wanibizayo ukuba nibe nobudlelane noNyana wakhe uYesu Krestu iNkosi yethu.
Ukungavisisani ebandleni
10Egameni leNkosi yethu uYesu Krestu ndiyanibongoza, mawethu, ukuba nivane, nithethe nto-nye, kungabikho zimbambano phakathi kwenu. Manyanani nibe luqilima, nimxhelo mnye, ninazimvo zinye. 11Kuba kaloku, mawethu, ndixelelwe ngani ngabakuloKlowe ukuba kukho ukungavisisani phakathi kwenu. 12Ndithetha le nto yokuba kuthiwa omnye kuni uthi: “Mna ndingokaPawulos;” omnye athi: “Mna ndingoka-Apolo;” omnye athi: “Mna ndingokaPetros;” omnye ke athi: “Mna ndingokaKrestu.” 13Ngaba wahluka-hlukene na uKrestu? Ngaba nguPawulos na owabethelelwa ngenxa yenu? Ngaba nabhaptizwa egameni likaPawulos na? 14Ndiyambulela uThixo kuba ndingabhaptizanga namnye kuni ngaphandle kukaKrispo noGayo, 15ukuze kungabikho mntu uthi ndabhaptiza egameni lam. 16Gxebe, ndabhaptiza noStefano nendlu yakhe. Ngaphandle kwabo ke, andikhumbuli ukuba ndabhaptiza wumbi. 17Kakade uKrestu akandithumanga kubhaptiza; wandithuma ukushumayela iindaba ezimnandi, kungabi ngabuciko bakuthetha, ukuze umnqamlezo kaKrestu ungalanjathiswa.
UKrestu ungamandla nobulumko bukaThixo
18Kaloku udaba lokufa kukaKrestu emnqamlezweni okunene lububudenge kwabatshabalalayo, kodwa kuthi, thina basindiswayo, lungamandla kaThixo. 19Kaloku *iziBhalo zitsho ukuthi: “Ndiya kububhangisa ubulumko bezilumko; ukuhlakanipha kweengqondi ndikuphuthise.” 20Xa kunjalo ke ziphi na izilumko, ziphi na iingqondi, ephi na wona amaciko eli hlabathi? Kaloku uThixo ubonakalisile ukuba ubulumko beli hlabathi bubudenge.
21UThixo ngobulumko bakhe ubone okokuba ihlabathi malingabi nako ukumazi ngobalo ubulumko. Hayi, kwakholeka kuThixo ukuba abo bakholwayo abasindise “ngobudenge” belizwi esilishumayelayo. 22AmaJuda afuna umqondiso; amaGrike wona afuna ubulumko; 23ke thina sivakalisa uKrestu ebethelelwe emnqamlezweni; into ke leyo esisikhubekiso kumaJuda nebubudenge kumaGrike. 24Ke kwabo babiziweyo, amaJuda kwanamaGrike, sivakalisa uKrestu ongamandla nobulumko bukaThixo. 25Kaloku into kaThixo ebubudenge, inobulumko kuneyabantu; nento kaThixo engathi ayinamandla, yomelele kuneyabantu. 26Mawethu, yikhumbuleni into enaniyiyo ukubizwa kwenu nguThixo. Babembalwa kuni abazizilumko ngokomgangatho wabantu, bembalwa abanamandla, bembalwa abangabantwana begazi. 27Kodwa uThixo usuke wanyula izinto ezibonakala ngathi zibubudenge ebantwini, ukuze ngokwenjenjalo adanise izilumko. Ngokunjalo ke uThixo unyule nezinto ezibonakala ngathi azinamandla ngokwabantu, ukuze ngokwenjenjalo adanise abanamandla. 28Ewe, uThixo unyule izinto ezibonakala zidelekile ebantwini, ngathi azinto yanto, azikho nokubakho, ezinyulela ukuze aphuthise ngazo izinto ezibonakala ngathi zibalulekile ebantwini. 29Xa kunjalo ke akukho namnye unokuqhayisa. 30Kaloku uThixo unimanye noKrestu Yesu osityhilela bonke ubulumko bukaThixo. Ngaye uThixo usenza amalungisa, asenze imilowo yakwakhe, asinike inkululeko. 31Ngoko ke, njengoko iziBhalo zitshoyo: “Oqhayisayo makaqhayise ngeNkosi.”

Currently Selected:

1 KWABASEKORINTE 1: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy