YouVersion Logo
Search Icon

1 KWABASEKORINTE 10

10
Isilumkiso mayela nezithixo
1Kaloku, mawethu, yikhumbuleni into eyabehlelayo ookhokho bethu ababekhokelwa nguMosis. Xa bebonke babekhuselwe lilifu, baza basinda baluwela uLwandle oluBomvu. 2Ukungena kwabo kwelo lifu nokuwela kwabo ulwandle kwaba bubungqina bokuba bangabalandeli bakaMosis. 3Bonke batya ukutya koMoya, 4baza basela isiselo soMoya. Babesela kwelo liwa likaThixo lalisoloko likho. Lona ke iliwa elo lalatha uKrestu. 5Kodwa ke nangoko uThixo akaneliswanga luninzi lwabo, ngenxa yaloo nto ke izidumbu zabo zathi saa entlango.
6Ngoku ke zonke ezi zinto ziyimizekelo kuthi ukuze singanqweneli izinto ezimbi njengabo, 7futhi singanquli izithixo njengoko yênzayo inxalenye yabo. Kaloku *iziBhalo zithi: “Abantu bahlala phantsi batya basela, baza baphakama badlala.” 8Masingarheletyi njengokuba babesenjenjalo abanye babo, kwaza ngamini-nye kwafa amawaka angamashumi amabini anesithathu. 9Masingamlingi uKrestu njengokuba babesenjenjalo abanye babo, baza babulawa ziinyoka. 10Musani ukukrokra njengoko babesenjenjalo abanye babo, waza uThixo wabatshabalalisa.
11Zonke ezi zinto zabahlelayo ziyimizekelo. Zabhalelwa ukuba zibe sisilumkiso kuthi, thina sidla ubomi kumaxesha okugqibela.
12Nabani na ozicingela ukuba umile makalumke angawi. 13Nasiphi na isilingo esikuhlelayo siyinto eqhelekileyo emntwini. Yena ke uThixo, ngokuba ethembekile, akayi kukuyekela ulingwe ngokungaphezu kwamandla akho. Hayi, wosuka akuvulele ikroba lokuphuncula, ukuze ube nako ukunyamezela.
14Nani ke, zihlobo zam, kucezeleni ukunqula izithixo. 15Ndithetha nani njengabantu bengqiqo, ngoko ke yicaluleni ngokwenu le nto ndiyithethayo kuni. 16Xa sidumisa uThixo ngokuthatha indebe engumqondiso weentsikelelo zakhe, ngaba loo nto ayithethi kuthi sinenxaxheba kwigazi likaKrestu? Khona xa siqhekeza isonka, ngaba loo nto ayithethi kuthi sinenxaxheba kumzimba kaKrestu? 17Kuba kaloku sinye qha isonka; nathi nangona sibaninzi nje, simzimba mnye, kuba sonke sabelana ngeso sonka sinye.
18Khanikhe nicinge ngenkqubo yamaJuda. Abo balityayo idini baba nodlelwano noThixo, lo lenzelwa yena eqongeni lamadini. 19Ngaba ke ndithetha ukuthini? Ngaba ndithi makube kukho nto siyiyo isithixo? Okanye makube ndithi idini elenzelwa sona liba yinto enexabiso? 20Hayi, anditsho. Ndithi amadini enziwa ziintlanga akenzelwa Thixo, enzelwa iindimoni. Yaye andifuni nibe nanxaxheba neendimoni. 21Aninako ukusela indebe yeNkosi, niphinde nisele eyeendimoni, ningenakuthatha nxaxheba esithebeni seNkosi, ze niphinde nibe nenxaxheba nakweseendimoni. 22Makube sifuna iNkosi ikhwelete? Sinamandla thina kunayo kakade?
23“Sivumelekile ukwenza nayiphi na into,” kukho abatshoyo. Ewe kunjalo kambe, kodwa azilunganga zonke izinto. Ewe: “Sivumelekile ukwenza nayiphi na into,” kodwa izinto azakhi zonke. 24Makungabikho bani ufuna ukulungelwa yedwa; elowo makakhathalele nokwabanye.
25Ningatya nantoni na eniyithenge esilarheni, ningazidubanga ngakuziphengulula sazela ngemibuzo, 26kuba, njengoko zitshoyo iziBhalo: “Ihlabathi leleNkosi nako konke okukulo.”
27Ukuba nimenywa ngumntu ongelokholwa, nize isimemo eso nisamkele, yityani into ebekwe phambi kwenu, ningazidubi ngokuphengulula isazela ngemibuzo. 28Kodwa ukuba kukho onithele thsuphe ukuba nitya ukutya kwedini, musani ukukutya ke oko kutya, ngenxa yalowo unixeleleyo, nangenxa yesazela. 29Anditsho esenu, ndixela esakhe. “Ke, ingathini inkululeko endinayo yokuzikhethela into emandiyenze ukulawulwa sisazela somnye umntu?” Ubani angabuza atsho, 30aqhube ngelithi: “Ukuba ndiyambulela uThixo ngesabelo sam esidlweni, ndisagxekelwani ngokutya endimbulela ngako uThixo?”
31Nokuba ke nenza ntoni na, nokuba niyatya, nokuba niyasela, yenzelani udumo lukaThixo. 32Ziphatheni ngohlobo lokuba ningaphazamisi bani, nokuba ngumJuda, nokuba ngumGrike, nokuba ngowebandla likaThixo. 33Xelisani mna, mna ndizama ukwanelisa wonke ubani ngento endiyenzayo. Andenzeli kulungelwa kwam phofu, koko ukulungelwa komntu wonke, ukuze bonke basindiswe.

Currently Selected:

1 KWABASEKORINTE 10: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy