YouVersion Logo
Search Icon

1 KASAMWELI 2

2
Umthandazo kaHana
1Ke kaloku uHana wathandaza emtyibela *uNdikhoyo, wathi:
“Intliziyo yam inemincili ngawe, Ndikhoyo!
Uphondo lwam luphakanyisiwe nguwe.
Awuhlangani umlomo wam kukuqhayisela iintshaba zam,
ndichulumanca lusindiso lwam.
2Hayi, akakh' onjengawe;
hayi bo, wahlukile wena, Ndikhoyo!
Akukh' ongxondorha injengoThixo wethu!
3“Yithini tu! Yekan' ukuzingca!
Yithini cwaka, niyek' ukuzigwagwisa!
Kaloku uNdikhoyo ngumazi wezinto zonke;
nguye ogocagoca izenzo zabantu.
4Izikhali zamakhalipha ziwile;
ababekhubekile bathiwe jize ngobukrothi.
5Izihluthi zijika zibe ngabangqibi,
izilambi zidlokove yintlutha.
Usitshw' isixhenxe umfaz' ongazaliyo,
az' ozalayo asal' ejijitheka.
6NguNdikhoyo obulal' abuy' aphilise;
utshonisa engcwabeni abuy' avuse.
7Busesandleni sikaNdikhoyo ubutyebi nobuhlwempu,
ngokunjalo ukuphakanyiswa nokuthotywa;
8nguye ophakamis' iindway' eluthulini,
abasuse eluthuthwini abahlelelekileyo,
ababeke kunye neendwalutho,
baxhamle uzuko lobukhosi.
Iintsika zehlabathi zezikaNdikhoyo;
walithi zinzi elimiweyo phezu kwazo.
9“Nguye umkhuseli weenyawo zabakholose ngaye.
Bothi shwaka ebumnyameni abakhohlakeleyo.
Akungamandla amntu ukuphumelela.
10Bobhanga kuthi tu abachas' uNdikhoyo;
wozongom' emazulwini barhwaqele.
Nguye olawula namaphethel' ehlabathi.
Uya kumambesa ngamandla ukumkani,
luphakame uphondo lomthanjiswa wakhe.”
11Bagoduka ke ooElikana baya eRama, yasala apho eShilo yona inkwenkwe, ikhonza uNdikhoyo phambi kombingeleli uEli.
Ubutshijolo boonyana bakaEli
12Oonyana bakaEli ke babengamatshijolo, bengamazele nto *uNdikhoyo. 13Kaloku inkqubo yababingeleli nabantu yayikukuthi xeshikweni nabani na enikezela idini, kuthi ngeli xesha imbiza yenyama ibilayo, sifike isicaka sombingeleli siphethe ifolokhwe entloko ineencula ezintathu. 14Besihlaba ngayo epanini, nokuba kuseketileni, okanye esityeni sokupheka, kungenjalo embizeni nje, aze umbingeleli azithathele loo ndawo iphume nefolokhwe. Kwakuqhutywa ngolu hlobo kuwo onke amaSirayeli ayeye eShilo. 15Kodwa ngoku bekuthi, singekatshi siphele isiqhumiso samanqatha, suka isicaka sombingeleli siye kuloo mfo unikezela idini, sithi kuye: “Nika umbingeleli inyama, ose! Akayifuni inyama yakho ephekiweyo; ufuna ekrwada.”
16Ukuba loo mntu uphendule wathi: “Kaloku kufuneka siqale sitshe siphele isiqhumiso samanqatha, wandule ukuthatha loo ndawo uyithandayo,” besisithi isicaka sombingeleli: “Hayi, ndinike ngoku; kungenjalo ndoyithatha ngetshova.”
17Esi sono soonyana bakaEli sokudela iminikelo sasisikhulu kakhulu emehlweni kaNdikhoyo.
Inzala kaElikana kuHana
18Yena uSamweli wayehlala ekhonza endlwini *kaNdikhoyo – inkwenkwana ethiwe wambu ngesidanga selineni. 19Minyaka le unina wayedla ngokumenzela umnwetyana, aye nawo eShilo, xa umyeni wakhe aye kwenzela uNdikhoyo idini lonyaka. 20UEli wayemthamsanqelisa uElikana nomkakhe uHana, athi: “Ubenga uNdikhoyo angenza lo mfazi akuzalele abanye abantwana endaweni yalo wamcelayo waza wamnikela kuye,” baze ke emva koko bagoduke.
21UNdikhoyo ngenene wamvelela uHana, waza wamitha, wazala abanye oonyana abathathu kunye neentombi ezimbini. Yona inkwenkwe uSamweli yakhulela kwaNdikhoyo.
Ukuqaqadeka koonyana bakaEli
22UEli ngeli xesha wayeselaluphele mpela. Wayesoloko esiva ngemikhwa emibi yoonyana bakhe kumaSirayeli. Wayiva nento yokuba babelala abafazi ababekhonza ngasemasangweni enkundla *yesibingelelo *sikaNdikhoyo. 23Wabakhalimela wathi: “Yeyantoni le ntlondi niyenzayo ebaliswa ngabantu bonke! 24Hayi, bantwana bam, imbi le nto endiyiva ithethwa ngani ngabantu bakaNdikhoyo! 25Kaloku umntu one omnye umntu angathethelelwa phambi koThixo; angalanyulelwa kanjani ke xa one uNdikhoyo ngokwakhe?”
Ke bona oonyana bakhe abazange bamhoye, naye uNdikhoyo wayeselezimisele ukubatshabalalisa.
26Ke yena uSamweli wakhula ngesithomo, ebabalwa nguNdikhoyo, ethandwa nangabantu.
Isiqalekiso sendlu kaEli
27Kwafika umfo wakwaThixo kuEli, wathi: “Utsho *uNdikhoyo ukuthi: ‘Wazi kakuhle ukuba ndazityhila kookhokho bakho, xa babengamakhoboka eJiputa phantsi kokumkani walapho. 28Uyayazi nento yokuba ndabatyumba phakathi kwezizwe zakwaSirayeli, ndathi bona boba ngababingeleli bam, basondele eqongeni lam, benze isiqhumiso, bagaxele *isidanga sam. Ndatsho nokuthi boba nenxaxheba kumadini anikelwa kum ngomlilo ngamaSirayeli. 29Kungani ke ukuba ninyelise amadini neminikelo emiselwe ndim endaweni yam? Kungani ukuba uxabise oonyana bakho ngaphezu kwam, suka nizingxale ngokuthatha ezona-zona ndawo ziphambili zeminikelo endiyenzelwa ngabantu bam amaSirayeli?’
30“Ngako oko uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, uthi: ‘Mna ndathembisa ukuba indlu yakho nendlu kayihlo yoba ngababingeleli bam naphakade.’ Kodwa ngoku uNdikhoyo uthi: ‘Unotshe! Mna ndiwonga abo bandihlonelayo, abo bandidelayo ndibaqalekise. 31Iyeza imihla endiza kuwashunqula amandla akho namandla endlu kayihlo, khon' ukuze ingabikho ingwevu kumlibo wenu. 32Niya kubona imbandezelo endaweni yam, naxa amanye amaSirayeli aya kuba nempumelelo. Ewe, akusayi kubuya kubekho nkonde kowenu. 33Nokuba kungakho omnye wenzala yakho osasondela eqongeni, naloo nto iseza kukulilisa ikuhluphe, kuba inkoliso yamadoda endlu yakho iya kufa iselula.
34“ ‘Into eya kufikela uHofeni noPineyasi oonyana bakho iza kuba ngumqondiso kuwe wale nto yonke endiyithethileyo. Bona baza kufa ngamini-nye. 35Ndiza kumisela owam umbingeleli onyanisekileyo, oya kwenza intando yam yonke. Ndiya kuyizinzisa indlu yakhe, andikhonze lonke ixesha phambi kokumkani otyunjwe ndim. 36Bonke abomzi wakho abaya kusinda baya kuya kuloo mbingeleli wam, bazithobe kuye, bacele imali nento etyiwayo, bathi: “Ndivumele ukuncedisa ababingeleli, khon' ukuze ngaloo ndlela ndizuze into etyiwayo.” ’ ”

Currently Selected:

1 KASAMWELI 2: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy