YouVersion Logo
Search Icon

1 KWABASETESALONIKA 4

4
Intlalo ekholisa uThixo
1Ngaphezu koko, mawethu, sanifundisa indlela yobomi obumkholisayo uThixo. Le ke phofu yindlela ebeniphila ngayo kakade. Kodwa ke ngoku, njengoko nimanywe neNkosi uYesu, sinicela sinicenga-cenga ukuba nenze ngakumbi. 2Kaloku niyayazi imiyalelo esaninika yona ngegunya leNkosi uYesu. 3UThixo uthanda ukuba nibe nyulu, nikucezele ukurheletya. 4Umntu ofuna umfazi makathathe umfazi ahlale naye ngobunyulu nembeko, 5iinkanuko angaziphi nomtyhi lo njengâbo bangamaziyo uThixo. 6Ngokukwanjalo ke makungabikho bani umonayo okanye umvuyelelayo umwabo kulo mbandela. Sesinilumkisile ngaphambili ukuba iNkosi iya kubohlwaya abo benza izinto ezinjalo. 7Kaloku uThixo akasibizelanga ekungcoleni, koko ufuna sibe nyulu. 8Ngoko ke, nabani na ongayifuniyo le mfundiso akachasi mntu, uchasa uThixo lo unipha uMoya oyiNgcwele.
9Akukho mfuneko yakuba ndinichazele ngoxanduva lokuthanda amanye amakholwa, kuba kaloku nina ngokwenu uThixo uyanifundisa ukuba nithandane. 10Ibe ke ngenene nani niziphethe ngale ndlela kuwo onke amakholwa kulo lonke elaseMakedoni. Phofu ke, mawethu, ndiyanikhuthaza ukuba niqhubele phambili ukwenjenjalo. 11Nokuba yintoni na imeko ibhongo lenu malibe kukuhlala ngoxolo, ningagxuphuleki kwimicimbi yabanye abantu. Philani kukubila kwamabunzi enu njengoko ndandiniyalele. 12Ngale ndlela ke nabo bangakholwayo baya kutsho banihloniphe; futhi ke ningaxhomekeki mntwini ngeentswelo zenu.
Ukubuya kweNkosi
13Ndithanda ukunicacisela, mawethu, mayela nâbo bangasekhoyo, ukuze ningabi lusizi njengabantu abangenathemba. 14Kaloku siyakholwa ukuba uYesu wafa, wabuya wavuka. Ngokukwanjalo ke nâbo bafe bemanywe noYesu uThixo uya kubabuyisa kunye noYesu. 15Le nyaniso ndinixelela yona lilizwi leNkosi: Thina baya kuba besaphila ngemini yokubuya kweNkosi asiyi kufumana nto bangayi kuyifumana abo bangasekhoyo. 16Liya kuhlokoma ilizwi lesiphatha-zithunywa, sivakale nesandi sexilongo likaThixo, ize iNkosi ngokwayo ihle ezulwini. Bothi abo bafa bemanywe noKrestu bavuke kuqala, 17nathi ke baya kuba besaphila ngelo xesha sixhwilwe sidibane nabo emafini, size sihlangane neNkosi esibhakabhakeni. Ke siya kuhlala neNkosi njalo-njalo. 18Ngoko ke khuthazanani ngala mazwi.

Currently Selected:

1 KWABASETESALONIKA 4: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy