YouVersion Logo
Search Icon

1 KWABASETESALONIKA 5

5
1Mawethu, akukho mfuneko yakuba ndinibhalele mayela namaxesha namathuba. 2Kaloku nazi kakuhle ukuba iMini yeNkosi ifika njengesela eliza ngobusuku. 3Ngelo xesha akuyi kusinda mntu, kuba lo gama kanye abantu bathi lixolile, bakhuselekile, lifika ngequbuliso ishwangusha kubo, kanye njengentlungu eviwa ngumfazi oza kuzala. 4Ke nina, mawethu, anihambi emnyameni. Loo mini ke ayimelwe kunifikela ngebhaqo ngokwesela. 5Nina ningabantu bokukhanya, abantu abahamba emini. Thina asibantu bahamba ngobusuku, emnyameni. 6Masingalali buthongo ke thina njengabanye abo; masiphaphe, singanxili. 7Kulalwa ebusuku ngabalalayo; kunxilwa ebusuku ngamanxila. 8Ke thina bantu bahamba emini masinganxili, koko masambathe ukholo nothando njengesikhuselo-sifuba, sithwale ithemba lokusindiswa njengomnqwazi wokukhusela intloko. 9Kuba kaloku uThixo akasinyulelanga ingqumbo, usinyulele ukuba sizuze usindiso ngoYesu Krestu iNkosi yethu, 10owasifela ukuze sihlale kunye naye, nokuba silele nokuba asilele. 11Ngoko ke, njengoko senenjenjalo kakade, khuthazanani, nakhane omnye nomnye.
Isiphetho nombuliso
12Ndiyanicenga, mawethu, babekeni abo babulaleka ngenxa yenu, betyunjwe yiNkosi ukuba banikhokele baniqeqeshe. 13Bahloneleni nibathande ngenxa yomsebenzi abawenzayo. Nina hlalani ngoxolo omnye nomnye.
14Ndiyanibongoza, mawethu, bakhalimeleni abanxaxhayo, nibakhuthaze abatyhafileyo, nibasekele ababuthathaka, nibaphathe ngomonde xa bebonke. 15Makungabikho bani ubuyekeza ububi ngobubi, kodwa maxa onke zamani kangangoko ninako ukulungiselelana, nibanceda bonke abantu.
16Vuyani maxa onke, 17nithandaze njalo-njalo. 18Nakuyiphi na imeko bulelani. UThixo uthanda ukuba nenjenjalo njengokuba nimanywe noKrestu Yesu nje.
19UMoya oyiNgcwele sanukumminxa; 20ilizwi elivela eNkosini sanukulidela. 21Ziphicotheni zonke izinto, nize ninyamekele leyo ilungileyo. 22Nayiphi na into embi yityesheleni.
23Wanga ke uThixo osinika uxolo anganenza nyulu ngeendlela zonke, anigcine ngokupheleleyo, umoya nomphefumlo nomzimba, ningabi nabala ekufikeni kweNkosi uYesu Krestu. 24Uthembekile lo unibizayo; uya kuyenza yonke le nto.
25Nathi sithandazeleni, mawethu.
26Wabuliseni ngokwamakholwa onke amawethu.
27Ndiyaniyala ngegunya leNkosi ukuba le leta niyifundele onke amakholwa.
28Lwanga ubabalo lweNkosi yethu uYesu Krestu lungahlala nani.

Currently Selected:

1 KWABASETESALONIKA 5: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy