YouVersion Logo
Search Icon

KWABASE-EFESE 6

6
Abantwana nabazali
1Bantwana, bathobeleni abazali benu nimanywe neNkosi nje, kuba kulunge kanye ukwenjenjalo. 2“Beka uyihlo nonyoko.” Lo ngumyalelo wokuqala onesithembiso esithi: 3“Uya kuba namathamsanqa, nemihla yakho yolulwe emhlabeni.”
4Nina ke, bazali, abantwana musani ukubaphatha gadalala, bade babe nenzondo, koko banikeni ingqeqesho nemiyalo yobuKrestu.
Izicaka nabaphathi
5Nina zicaka, bathobeleni abaphathi benu balapha emhlabeni, ninentlonipho, niqhutywa kukunyaniseka, ngokungathi nikhonza uKrestu ngenkqu. 6Ningatshakazi nenze izinto ngenjongo yokuzithandekisa ebantwini, koko yenzani ukuthanda kukaThixo ngomxhelo wenu wonke, njengezicaka zikaKrestu. 7Umsebenzi wenu wenzeni ngemincili, ngokungathi niwenzela iNkosi, aniwenzeli mntu.
8Ze nikhumbule ukuba umntu ngamnye uya kuvuzwa yiNkosi ngomsebenzi omhle, nokuba loo mntu sisicaka nokuba akasiso.
9Nani baphathi yenzani kwangokunjalo ngokubhekiselele kwizicaka zenu. Yekani ukusoloko nizigrogrisa. Khumbulani ukuba nina kwakunye nezicaka zenu ningabeNkosi enye esezulwini, egweba wonke umntu ingenamkhethe.
UmKrestu edabini
10Elokuphetha ndithi njengokuba nimanywe neNkosi nje, yomelelani nincedwa ngamandla ayo. 11Nxibani sonke isikrweqe eninokusifumana kuThixo, ukuze nibe nako ukumelana nabo bonke ubuqhokolo bukaSathana. 12Kuba kweli dabi lethu asilwi nabantu, kodwa silwa nemimoya ekhohlakeleyo esesibhakabhakeni, izilawuli, nabasemagunyeni, kunye nemimoya engcolileyo yeli phakade lobumnyama. 13Ngoko ke xhobani ngezikrweqe zikaThixo, ukuze nibe nako ukuxhathisa xa kunyembelekile, nize nifeze konke nimile ngxishi.
14Ngoko ke hlalani niqulile. Bhinqani ngenyaniso; ninxibe ubulungisa ukukhusela isifuba. 15Ezinyaweni nxibani inkuthalo yokuhlala nichophele ukuvakalisa iindaba ezimnandi zoxolo. 16Ngamaxesha onke ukukholwa makube likhaka lenu; ngokholo noba nako ukuzicima zonke iintolo ezivuthayo zikaSathana. 17Entloko thwalani usindiso. Phathani ilizwi likaThixo libe likrele enilinikwa nguMoya. 18Zinikeleni ngokupheleleyo ekuthandazeni. Thandazani maxa onke niqhutywa nguMoya. Ngesi sizathu ke hlalani nithe qwa, ningancami, nisoloko nibathandazela abantu bakaThixo. 19Nam ndithandazeleni, ukuze uThixo andiphe udaba xa ndithethayo, ndibe nesibindi sokuyivakalisa injongo yakhe eyayifihlakele, ndixela iindaba ezimnandi. 20Mna ndingunozakuzaku obanjiweyo ngenxa yazo. Ndithandazeleni ukuze ndithethe ngesibindi, njengoko kufuneka ndenjenjalo kakade.
Imibuliso yokwahlukana
21Njengoko kuyimfanelo ukuba nive ngemeko nempilo yam, uTikiko uya kunazisa ngazo zonke ezo ndaba. Yena nguwethu othandekayo, isicaka esithembekileyo emsebenzini weNkosi. 22Yiyo ke le nto ndimthuma kuni: ndenzele ukuba anazise ngayo yonke imeko yam, anivuselele.
23Wanga uThixo uYise neNkosi uYesu Krestu angawapha uxolo nothando nokholo onke amawethu. 24Lwanga ubabalo lukaThixo lungahlala kubo bonke abayithanda ngothando olungatshitshiyo iNkosi uYesu Krestu.

Currently Selected:

KWABASE-EFESE 6: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy