YouVersion Logo
Search Icon

EYEMFUDUKO 20

20
Umnqophiso
(Hlaz 5:1-21)
1Ke kaloku uThixo wathetha wenjenje: 2“Mna *ndinguNdikhoyo uThixo wakho owakukhulula eJiputa apho wawulikhoboka khona.
3“Ungaze unqule *thixo wumbi ngaphandle kwam.
4“Ungaze uziqingqele umfanekiso wothixo, nditsho nokuba ngowantoni na esesibhakabhakeni phezulu, okanye esemhlabeni phantsi, okanye nokuba yeyasemanzini aphantsi komhlaba. 5Ungaze ukhahlele unqule umfanekiso oqingqiweyo; kuba mna Ndikhoyo Thixo wakho ndinguThixo onekhwele. Ndiyabohlwaya abandithiyileyo; ewe, ndohlwaya ooyise ndide ndiye kuqhina kwesesithathu nakwesesine isizukulwana sabo. 6Kodwa ke ndiphuphuma izibele kumawaka-waka abo bandithandayo, beyithobela imiyalelo yam.
7“Ungaze ulikhankanye ngelize igama lam; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho andiyi kumxolela ofumana alibize igama lam.
8“Hlala uwukhumbula *uMhla wokuPhumla, uwugcine ulusuku olulodwa lukaNdikhoyo. 9Sebenza imihla emithandathu, uwenze wonke umsebenzi wakho. 10Ke wona umhla wesixhenxe lusuku lwam olulodwa lokuphumla. Ngoko ke makungabikho mntu usebenzayo ngalo mhla; nditsho nawe, umntwana wakho, nesicaka sakho, nemfuyo yakho, ngokunjalo nomngeneleli ohlala phakathi kwenu. 11Kaloku mna Ndikhoyo ndênza umhlaba, nesibhakabhaka, nolwandle, nako konke okulapho kwezo zinto, ngeentsuku ezintandathu, ndaza ke ndaphumla ngomhla wesixhenxe. Ngenxa yaloo nto ke lo mhla ndawukhetha ukuze ube lusuku olulodwa lokuphumla.
12“Mhlonele uyihlo ndawonye nonyoko, khon' ukuze ube nokuzinza kwelo lizwe ndikunika lona mna Ndikhoyo Thixo wakho.
13“Musa ukuba sisibulala-mntu.
14“Musa ukukrexeza.
15“Musa ukûba.
16“Musa ukungqina ubuxoki ngomnye umntu.
17“Musa ukunqwenela umzi womnye umntu, nokuba ngumfazi wakhe, nokuba sisicaka sakhe okanye isicakakazi sakhe, nokuba yinkomo yakhe, nokuba yidonki yakhe, okanye nantoni na eyeyomnye umntu.”
UThixo uvavanya amaSirayeli
(Hlaz 5:22-33)
18Athi ke amaSirayeli akuziva iindudumo, nokuhlokoma kwexilongo, akubona nemibane itshawuza, nentaba ilitsili ngumsi, suka angcangcazela kukoyika, angcachela phaya. 19Abhekisa kuMosis, athi: “Mayibe nguwe othetha nathi; siya kukuva. Mayingabi nguThixo ngokwakhe othetha nathi, hleze sife.”
20UMosis wathi ebantwini: “Sanukoyika, kuba uThixo uyanivavanya nje, khon' ukuze nihlale nimhlonele, ningawexulwa kukona.” 21Kambe ke abantu bona bahlala bechasele, àbavuma ukusondela, yanguMosis yedwa okufuphi kwelo lifu limnyama lingumqondiso wobukho bukaThixo.
Imithetho mayela neqonga lamadini
22*UNdikhoyo wayalela uMosis, wathi: “Yithi kumaSirayeli: ‘Ngoku ke nindivile, mna Ndikhoyo, xa bendithetha nani ndisezulwini. 23Ngoko ke, indim nje uThixo wenu, sanukundidibanisa nezithixo ezenziwe ngesiliva okanye igolide. 24Mna ndenzeleni iqonga lamadini ngomhlaba, nize nithathe iinkomo, iigusha, okanye iibhokhwe, nenze ngazo amadini atshiswayo ngokunjalo namadini obudlelwane. Naphi na apho ndininike khona indawo yokunqula ndiya kuza ndinithamsanqelise. 25Xa nindenzela iqonga lamadini ngamatye sanukuwaqingqa, kuba xa nisebenzisa izixhobo niwaqingqa selexabhelekile kum. 26Xa nindakhela iqonga lamadini makungayiwa ngezinyuko kulo, hleze nithi xa ninyukayo zihlubeke izambatho zenu, nibe ze.’ ”

Currently Selected:

EYEMFUDUKO 20: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy