YouVersion Logo
Search Icon

KUMAGALATI 2

2
UPawulos nabanye abathunywa
1Emva kweminyaka elishumi elinesine ndabuyela eJerusalem noBharnabha, ndikhatshwa nguTito. 2Ndaya kuba ndityhilelwe nguThixo ukuba mandiye. Saba nentlanganiso yabucala kunye neenkokheli, ndaza ndazichazela iindaba endizishumayela ezintlangeni. Ndandingafuni ukuba umsebenzi esendiwenzile nalowo ndandisawenza ube lilize. 3Nakuba wayengumGrike, uTito owayenam zange anyanzelwe ukuba aluke, 4nangona amadoda athile azenza amakholwa angenelela, aza afuna ukuba makalùswe. Aba bantu bangena ngokunyebelezela, befuna ukuhlola le nkululeko sinayo kubudlelane bethu noKrestu, befuna ukusenza amakhoboka. 5Kambe asizange sibaqhelisele nakancinane, khon' ukuze sinigcinele inyaniso yeendaba ezimnandi ingenabala.
6Kodwa ke abo baziinkokheli ezaziwayo – nditsho kuba into abayiyo ayenzi mahluko kum, kaloku uThixo yena akasebenzi ngembonakalo – ndithi ke ezo nkokheli zange zifumane sikhwa kum. 7Ndaweni yaloo nto zayamkela into yokuba uThixo undiphathise uxanduva lokushumayela iindaba ezimnandi ezintlangeni, kwanjengokuba noPetros ephathiswe uxanduva lokushumayela iindaba ezimnandi kumaJuda. 8Kaloku amandla kaThixo andenza *ndangumthunywa ezintlangeni, kanye ngale ndlela uPetros wenziwa ngayo wangumthunywa kumaJuda. 9UYakobi noPetros noYohane ababesaziwa njengezona ntsika, bayivuma into yokuba uThixo undibizele kulo msebenzi, ngoko ke basibamba isandla sinoBharnabha. Savumelana ke ukuba sisebenzisane; thina sisebenze phakathi kweentlanga, bona ke phakathi kwamaJuda. 10Into abayiyalezayo kukuba sibakhumbule abo bahlelelekileyo phakathi kwabo, nto leyo ke endandisenza yona kakade.
UPawulos ukhalimela uPetros eAntiyokwe
11Xa wayeseAntiyokwe uPetros ndamgqogqa iindlebe, ndimxelela ngempazamo yakhe eyayidandalazile mpela. 12Wayedla ngokutya kunye namakholwa aziintlanga, ngaphambi kokuba kufike apho iqela lamadoda awayevela kuYakobi. Kodwa kuthe kwakuba kufike la madoda warhoxa uPetros, wazilumla ekutyeni namawethu aziintlanga, ngenxa yokoyika ukugxekwa ngâbo babesithi makwalukwe. 13Namanye amakholwa amaJuda abonakalisa kwaobo bubhetyebhetye bufana nobukaPetros, kangangokuba noBharnabha wawexuleka bobo bubhetyebhetye. 14Ndithe ke ndakukuphawula ukungabi nanyaniso kokuziphatha kwabo ngendlela engangqinelaniyo nenyaniso yeendaba ezimnandi, ndathi kuPetros phambi kwabo bonke: “Nakuba wena ungumJuda, ubusoloko uziphethe njengeentlanga kodwa; ungathini ke ngoku ukujika uzinyanzele iintlanga ukuba ziziphathe njengamaJuda?”
Lukholo olusindisa amaJuda kwakunye neentlanga
15Ewe kambe, singawo amaJuda emveli, asizizo iintlanga ezingaboni, ngabula nina. 16Kodwa siyazi ukuba umntu akenziwa abe lilungisa nguThixo ngenxa yokuba esenza okufunwa *ngumthetho kaMosis; kuphela kungokuzinikela kuYesu Krestu. Ke nathi samvuma uKrestu uYesu ukuze uThixo asenze amalungisa ngenxa yokuzinikela kwethu kuye, ingekuba senza okufunwa ngumthetho. Kaloku akukho bani wenziwa ilungisa nguThixo ngenxa yokubambelela kwakhe emthethweni. 17Ukuba ke thina sizamela ukwenziwa amalungisa nguThixo ngokumanywa noKrestu, sisafumaneka sisenza isono, ngaba loo nto ithetha ukuthi uKrestu uhambisana nesono? Nakanye! 18Ukuba ndiyaphinda ndiyivuse imikhwa endahlukanáyo nayo ndiyazicacisa ukuba ndim isaphulamthetho. 19Kaloku ndafa kuwo umthetho – ndibulawa kwangawo amabango omthetho – ukuze ndiphilele uThixo. Ndibethelelwe emnqamlezweni kunye noKrestu, 20ngoko ke ayisendim ophilayo, nguKrestu ophilayo kum. Ubomi ke endibudlayo ngoku ndimanywe noNyana kaThixo, ndibudla ngokholo kulowo wandithandayo, wabuncama obakhe ubomi ngenxa yam. 21Andifekethi ngesisa sikaThixo; kuba, ukuba umntu ebenokuba lilungisa phambi koThixo ngenxa yokugcina umthetho, loo nto ibiya kuthetha ukuba wafumana wafa uKrestu.

Currently Selected:

KUMAGALATI 2: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy