YouVersion Logo
Search Icon

UISAYA 65

65
Umgwebo nosindiso
1*UNdikhoyo uthi:
“Ndaba ngazibonakalisa kwathi nya.
Kanti ndilindele abangandifuni nganto.
Ndandisithi bokhala kum;
kwathi kanti bona abakhw' apho.
Ndandikulungele ukuthi: ‘Yizani, ndim lo.’
Gxebe kanti sisizwe esingandinquliyo.
2Imini yonke ndahlala ndikhongozele.
Phi ke, ingunkanishe wesizwe nje,
esiphikelene neendlela ezigwenxa,
silandelana neengcamango zaso;
3uhlanga olungandihoye nganto,
olwasoloko luphikelene nokundicaphukisa
ngokwenza amadini *ezithixo emiyezweni,
lusenz' iziqhumiso kumaqonga ezitena;
4abantu ungafika behlel' emangcwabeni,
ebusuku bejikelezana nabangasekhoyo;
zizintw' ezity' inyam' ehagu,
ezithebeni lizothe lodwa;
5baze ke bathi:
‘Bhekelani, sanukusondela kuthi;
musan' ukusichukumisa; singcwele.’
Abantu abanjalo ke bayanditsarha;
ngumlilo ondiqhumisela imini yonke.”
6UNdikhoyo uthi:
“Uyabona ke, sendigqibe konke,
ibe ke andiyi kuthi cwaka;
isohlwayo sabo sesijinga phezu kwabo;
ngoko ndiya kubabuyekeza
7ngenxa yezabo nezono zooyise.
Kaloku bênza iziqhumiso ezindulini,
baza ke mna bandingcikiva.
Ngoko ke ndobabuyekeza kangangoko,
ndibohlwaye ngezono zabo.”
8UNdikhoyo uyathetha, uthi:
“Idiliya entle ayitshatyalaliswa kunye naleyo yonakeleyo, koko ngayo kwenziwa iwayini.
Nam ke ngenxa yazo izicaka zam andiyi kubatshabalalisa bonke.
9Ndosuka ndimvelisele inzala uYakobi;
abakwaJuda baya kuma kwilizwe lam,
iintaba zalo zibe lilifa labanyulwa bam –
ziya kuma kuzo izicaka zam.
10ISharon yoba lidlelo lempahla,
iinkomo ziphumle kwintili yeAkore;
ezo ke zezabantu abalangazelela intando yam.
11“Ke nina bamfulathelayo uNdikhoyo,
abangayikhathaleleyo intaba yam eyodwa iZiyon –
nina banqula uGadi noMeni, *izithixo zelaka nekamva –
12nina nimiselwe ikrele;
ewe, xa ninonke niya kutshatyalaliswa.
Kaloku anisabelanga ndakunibiza,
aniphulaphulanga naxa ndithetha;
suka nakhetha ukwenza ububi
ndaweni yokwenza oko ndikuthandayo.”
13Ngoko ke uMhlekazi uNdikhoyo uthi:
“Izicaka zam zona zothi zisitya zihlutha,
nibe ke nina nithe nca yindlala.
Izicaka zam aziyi kuswela manzi,
nibe ke nina nikhothekile lunxano.
Zothi zona zichulumacha yimincili,
nibe nina ninyoshoza ngamahlazo.
14Izicaka zam zomemelela zinemihlali,
ukanti nina nobhomboloza yintlungu,
nincwine nikhwiniswa yinkxwaleko.
15Ke lona igama lenu loba sisigculelo kubantu bam;
uMhlekazi uNdikhoyo uya kunitshabalalisa,
zona izicaka zakhe azinike igama elitsha.
16Kweli lizwe ke othamsanqelayo
uya kwenjenjalo ngegama likaThixo onguThembekile,
nofungayo uya kubiza uThixo onguThembekile.
Kaloku iinkathazo zamandulo zoba sezalityalwa;
ngenene, zoba zifihlakele ndingasazikhumbuli.”
Izulu elitsha nehlabathi elitsha
17*UNdikhoyo uthi:
“Ewe, ndiza kudala amazulu amatsha,
ngokunjalo nehlabathi elitsha.
Ke yona indalo yamandulo iya kulityalwa ingabi sakhunjulwa.
18Ngoko ke vuyani niqakathe ngenxa yale ndalo yam intsha;
iJerusalem ndoyitsho ibe liqhayiya,
nabantu bayo bavelise uchulumacho.
19Nam ndoba nemincili ngenxa yeJerusalem,
ndithatheke ndidlokove ngabantu bam.
Khona soze sibe saviwa isijwili;
ukufixiza nesilokozi ziya kuphela tu.
20“Nokufa kweentsana kuya kunqamka;
abantu bokhula bade bakhokhobe.
Umntu ofe enekhulu leminyaka
uya kunconywa ngokuf' emncinci;
kanti ke ongafikelelanga ekhulwini
yena kothiwa wambethwe lishwangusha.
21Imizi abayakhayo abantu boyima;
baya kutyala izidiliya, bazitye iziqhamo zazo.
22Imizi abayakhayo ayiyi kumiwa ngabanye,
nezinto abazilimileyo zingaxhatshazwa ngabanye.
Kwanjengobude bobomi bemithi yoba njalo nemihla yabantu bam;
ewe, abanyulwa bam baya kuwuxhamla ngenene umsebenzi wezandla zabo.
23Bona abasayi kusebenzela ilize,
bengasayi kuzalela isithwakumbe;
koko boba ngabantu abathamsanqelweyo nguNdikhoyo,
ngokunjalo nezizukulwana zabo.
24Mna ndosabela bengekakhali nokukhala;
ndobeva besathetha nje kuphela.
25Ingcuka netakane ziya kutya ndawonye,
ingonyama igramze ingca njengenkomo,
yona inyoka itye uthuli.
Inene akusayi kubakho owonayo notshabalalisayo
eZiyon intaba yam eyodwa.”
Lowo ke ngumlomo kaNdikhoyo.

Currently Selected:

UISAYA 65: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy