YouVersion Logo
Search Icon

EKAYAKOBI 3

3
Ulwimi
1Mawethu, musani ukugagamela nifune ukufundisa nonke. Kaloku niyazi ukuba thina sifundisayo siya kugwetywa ngqongqo kunabanye. 2Sonke ngabanye siyayenza impazamo amaxesha ngamaxesha. Ke yena umntu ongaphazamiyo ekuthetheni ugqibelele, uyakwazi ukuzilawula ngokupheleleyo. 3Kaloku ihashe silifaka umkhala, ukuze lisilulamele, sikwazi ukulilawula ngokupheleleyo. 4Okanye khanicinge ngenqanawa, inkulu injalo, noba ngade ityhalwe yimimoya emikhulu, kodwa ilawulwa ngentongana nje encinci, ize iye apho athanda ukuba iye khona umqhubi. 5Lukwanjalo ke nalo ulwimi, nakuba luluncinci kangaka nje – luyagwagwisa kakhulu.
Mhlawumbi makhe senze umzekelo ngehlathi: noba selilikhulu kangakanani na lingátshiswa yintlantsana nje yomlilo. 6Nalo ke ulwimi lufana nqwa nomlilo; lululwandle lobubi. Lulelinye lamalungu omzimba wethu nje luphembelela ububi kubume bethu buphela. Ubomi bethu buphela libuntumeka ngomlilo eliwuthatha esihogweni. 7Uluntu luyakwazi ukuzilulamisa zonke iintlobo zezidalwa – ezizitho zine kwaneentaka, ezirhubuluzayo kwanezaselwandle – yaye lukholisile ukwenjenjalo. 8Kodwa akukho mntu ukwaziyo ukululawula ulwimi. Luyinkathazo engalawulekiyo, futhi luyityhefu. 9Sisebenzisa lona xa sibonga sibulela iNkosi uTata wethu, ukanti sibaqalekisa kwangalo nabantu abadalwe bafuza uThixo. 10Imibulelo neziqalekiso zimpompoza mlonyeni mnye. Mawethu, mayingenzeki le nto! 11Kaloku akwenzeki ukuba kumpompoze amanzi amnandi namtyuba mthonjeni mnye. 12Mawethu, umkhiwane awukwazi kaloku ukuvelisa umnquma, nomdiliya awunako ukuvelisa amakhiwane. Ngokunjalo akukho mthombo unako ukuvelisa amanzi amtyuba namnandi.
Ubulumko obuvela phezulu
13Ukuba bakho abantu abalumkileyo nabaqondayo phakathi kwenu, loo nto mabayibonakalise ngobomi obumsulwa, nangezenzo zentobeko nobulumko. 14Kodwa ke ukuba ninomona nolunya nizicingela, sanukuzigwagwisa nigqume inyaniso ngobuxoki. 15Obu bulumko abuveli phezulu, koko bobehlabathi, bobeenkanuko, bobukaSathana. 16Ke apho kukho umona nokuzigwagwisa kuba nguqulukubhode nazo zonke iintlobo zeentlondi. 17Kodwa ke bona ubulumko obuvela phezulu bumsulwa; bunolungelelwano, nobubele, buyazelelela. Bona bunovelwano, yaye buvelisa imisebenzi emihle; abunamkhethe naluhanahaniso. 18Ke bona abahlwayeli boxolo abaseluxolweni bavuna ubulungisa.

Currently Selected:

EKAYAKOBI 3: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy