YouVersion Logo
Search Icon

UYOHANE 20

20
Ukuvuka kukaYesu
(Mat 28:1-8; Marko 16:1-8; Luka 24:1-12)
1Phambi komsobomvu ngeCawe uMariya waseMagadala waya engcwabeni, wafika ilitye lokuvala ingcwaba lisusiwe. 2Wabaleka, waya kuSimon Petros nalaa mfundi wayethandwa nguYesu, wathi kubo: “Bayithathile iNkosi engcwabeni. Asazi apho bayibeke khona.”
3Banduluka ke uPetros nomnye umfundi lowo, baya kufika engcwabeni. 4Babebaleka kunye, kodwa omnye umfundi lo wamshiya ngamendu uPetros, wafika kuqala engcwabeni. 5Wathoba nje, wawabona amalaphu elinen, engakhange angene. 6Wagaleleka noPetros, wangena engcwabeni. Wawabona amalaphu ephantsi. 7Ilaphu uYesu awayebotshwe ngalo intloko, walibona lilodwa, lisongiwe. 8Wangena ke naloo mfundi obefike kuqala engcwabeni. Akukhangela wakholwa. 9Kaloku babengaliqondi ilizwi *leziBhalo elithi umelwe kukuba avuke ekufeni. 10Baza ke bagoduka abafundi.
UYesu uzibonakalisa kuMariya waseMagadala
(Mat 28:9-10; Marko 16:9-11)
11UMariya wayemi ngasengcwabeni elila. Esalila njalo wathoba, wakhangela engcwabeni, 12wabona izithunywa zezulu ezibini zambethe ezimhlophe, zihleli apho bekukho umzimba kaYesu, esinye sihleli ngasentloko, esinye singasezinyaweni. 13Zathi ke kuye: “Ulilela ntoni?”
Wathi kuzo: “Ithathiwe iNkosi yam. Andazi nokuba ibekwe phi na.”
14Esatsho, waguquka, wabona uYesu emi; akaqonda noko ukuba nguYesu. 15Wathi kuye uYesu: “Ulilela ntoni, wethu? Ufuna bani?”
Ecinga ukuba ngumgcini-sitiya, wathi kuye: “Ndixelele, mnumzana, apho umbeke khona, ukuba umsusile, ze ndiye kumthatha.”
16Wathi kuye uYesu: “Mariya!”
Waguqukela kuye, wathi kuye ngesiHebhere: “Rabhoni,” oko kukuthi: “Mfundisi.”
17Waza wathi uYesu: “Sukundibamba, kuba andikenyuki ndiye kuBawo. Hamba uye kuxelela abahlobo bam ukuba sendinyuka, ndisiya kuBawo okwanguYihlo, uThixo wam okwanguThixo wenu.”
18Ke ngoko uMariya waseMagadala waya kubaxelela abafundi ukuba uyibonile iNkosi, waza wabaxelela nomyalezo wayo.
UYesu uzibonakalisa kubafundi bakhe
(Mat 28:16-20; Marko 16:14-18; Luka 24:36-49)
19Ngokuhlwa ngaloo mini yeCawe abafundi babehlangene, bezivalile iingcango kuba besoyika amaJuda. Wafika uYesu, wema phakathi kwabo, wathi: “Uxolo malube nani.” 20Etshilo wababonisa izandla zakhe nephango lakhe. Baza bafikelwa luvuyo abafundi bakuyibona iNkosi. 21Waphinda wathi kubo uYesu: “Uxolo malube nani. Njengokuba uBawo endithumile mna, nani ndiyanithuma.” 22Akuba etshilo ke wabaphefumlela, wathi: “Yamkelani uMoya oyiNgcwele. 23Bonke abantu enibaxolelayo izono zabo baya kuxolelwa; kanti bonke eningabaxoleliyo abayi kuxolelwa.”
UYesu noTomas
24UTomas, omnye wabafundi abalishumi elinambini, lo kuthiwa nguWele, wayengekho phakathi kwabafundi ukufika kukaYesu kubo. 25Ke ngoko abanye abafundi bathi kuye: “Siyibonile iNkosi!”
Kodwa yena wathi kubo: “Ndingekawaboni nje amanxeba ezikhonkwane ezandleni zayo, ndifake umnwe emanxebeni ayo, nesandla sam ndisifake ephangweni layo, andisoze ndikholwe.”
26NgeCawe elandelayo, behlangene kwakhona endlwini abafundi bakaYesu, ekho noTomas, wafika uYesu, iingcango zivaliwe, wathi: “Uxolo malube nani.” 27Waza wathi kuTomas: “Faka apha umnwe wakho, uzibone izandla zam. Solule isandla sakho, usifake ephangweni lam. Yeka ukungakholwa oku! Kholwa!”
28Waphendula uTomas wathi kuye: “Nkosi yam! Thixo wam!”
29Wathi kuye uYesu: “Uyakholwa ngoku, kuba undibonile? Hayi uyolo lwâbo bakholwa bengandibonanga!”
Injongo yale ncwadi
30Mininzi neminye imiqondiso awayenzayo uYesu beyibona abafundi bakhe, engabhalwanga kule ncwadi. 31Ezi ke izinto zibhalelwe ukuze nikholwe ukuba uYesu unguye *uKrestu, uNyana kaThixo; nokuze nithi nikholwa, nibe nobomi ngenxa yegunya legama lakhe.

Currently Selected:

UYOHANE 20: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy