YouVersion Logo
Search Icon

UYOHANE 7

7
Ukungakholwa kwabantakwabo-Yesu
1Emva koko uYesu wehla enyuka neGalili. Wayengathandi ukuya kwelakwaJuda, kuba amaJuda ayefuna ukumbulala. 2Lalisondele itheko lamaJuda ekuthiwa litheko lamaphempe, 3baza bathi kuye abantakwabo: “Khawumke apha, uye kwelakwaJuda, ukuze nabo abafundi bakho abalapho bazibone izinto ozenzayo. 4Kaloku umntu ofuna okokuba into ayenzayo yaziwe, akayenzi ngasese. Ukuba uyazenza ezi zinto, zenze zibonwe lihlabathi lonke.” 5Babesitsho abantakwabo-Yesu kuba nkqu bona babengakholwa kuye.
6Wathi kubo uYesu: “Nina ningaya nanini na, kodwa elam ithuba lokuya alikafiki. 7Abantu beli hlabathi bandithiyile mna, kuba ndisoloko ndiyihlaba imikhwa yabo emibi, kodwa nina bayanithanda. 8Ningaya nina ethekweni apho, kodwa mna andiyi, kuba ayikabi lothuba lifanelekileyo eli kum.” 9Akuba etshilo wasala eGalili.
UYesu kwitheko lamaphempe
10Bakuba bemkile abantakwabo-Yesu ukuya ethekweni apho, naye waya khona, phofu wahamba ngokuzimela. 11AmaJuda ayemfuna apho ethekweni, emana ebuzisa ngaye. 12Kwakugqugulwa ngaye, kukho abathi: “Yindoda leya;” kukho nabathi: “Hayi bo, uyabalahlekisa abantu.” 13Noko akuzange kubekho bani uthetha ngaye ekuhleni, kuba babesoyika amaJuda.
14Kwathi itheko selishushu, uYesu waya *endlwini kaThixo, wafundisa. 15Amangaliswa amaJuda, athi: “Ngaba lo mntu uluthathe phi lonke olu lwazi, engafundanga nje?”
16Waza uYesu wawaphendula wathi: “Le mfundiso ndiyifundisayo asiyoyam, koko ivela kulowo undithumileyo. 17Lowo uyenzayo intando kaThixo, uya kuqonda ukuba andithethi okukokwam, koko ndifundisa okuphuma kuThixo. 18Othetha okukokwakhe uzifunela olwakhe udumo; ke yena ofuna udumo lwalowo umthumileyo unyanisekile, akukho nkohliso kuye. 19Akaniwiselanga umthetho na uMosis? Kanti akukho namnye kuni uwuthobeleyo. Kungani na ukuba nifune ukundibulala?”
20Abantu baphendula bathi: “Uphambene! Ngubani ofuna ukukubulala?”
21Waphendula uYesu, wathi kubo: “Ndenze into yanye *ngoMhla woPhumlo, naza namangaliswa nonke. 22Khaniphawule le ndawo ngolwaluko lwesiJuda: Ulwaluko lwaqalwa ngamanyange, waza noMosis wawisa umthetho wokuba lubekho. Ngoko niyalùsa nangoMhla wokuPhumla. 23Ukuba ke umntwana oyinkwenkwe niyamalùsa ngoMhla woPhumlo, ngenxa yokuba nifuna ukugcina umthetho kaMosis, kutheni ke ukuba nikhathazeke kuba ndithe ndaphilisa umntu? 24Sanukugweba ngokwembonakalo; gwebani ngobulungisa.”
Ngaba nguKrestu lo?
25Abanye abantu baseJerusalem babesithi: “Ngaba asinguye na lo bafuna ukumbulala? 26Kanti nanko ethetha ekuhleni, kungekho bani ubhekisa nento le kuye! Ngaba iinkokheli ziqondile okokuba ngokwenyani lo *nguKrestu? 27Angathini na lo ukuba nguKrestu simazi nje apho avela khona? UKrestu akufika akuyi kubakho bani waziyo apho avela khona.”
28Watsho ngelivakalayo uYesu, efundisa *endlwini kaThixo, wathi: “Niba niyandazi, nisazi nalapho ndivela khona! Mna andizizelanga ngokwam. Ndithunywe ngulowo uyinyaniso. Ke nina animazi, 29kodwa mna ndiyamazi, kuba ndivela kuye, ndithunywe nguye.”
30Babefuna ukumbamba, kodwa akubangakho bani umchukumisayo, kuba lalingekafiki ixesha. 31Kodwa abantu abaninzi bâkholwa kuye, besithi: “Xa athe wafika uKrestu, ngaba ebenokwenza imiqondiso engaphezulu na kunale yenziwe ngulo?”
Ilinge lokubamba uYesu
32*AbaFarasi babeva abantu bethetha ngasese ngoYesu, baza bona nababingeleli abaziintloko bathuma abagadi bendlu kaThixo ukuba bambambe. 33Waza uYesu wathi: “Ndisaza kuba nani ithutyana, ndize ndimke, ndiye kulowo undithumileyo. 34Niya kundifuna ke, ningandifumani, kuba nina aninako ukuya apho ndiya khona.” 35Aza amaJuda abuzana esithi: “Ngaba bethu uza kuya phi, ze ke singabi nako ukumfumana? Ngaba uzimisele ukuya kumaJuda athe saa kwelamaGrike, aze afundise amaGrike? 36Ngaba uthetha ukuthini xa athi: ‘Niya kundifuna ningandifumani, kuba nina aninako ukuya apho ndiya khona’?”
Isithembiso ngoMoya oyiNgcwele
37Ngosuku lokugqibela, olo ke lulolona lubalulekileyo lwetheko, wema uYesu, wathetha ngelivakalayo esithi: “Onxaniweyo makeze kum asele. 38*IziBhalo zithi kuya kugqabhuka imisinga yamanzi aphilisayo embilinini walowo ukholwayo kum. ”
39UYesu wayithetha le nto esingisele kuMoya ababeya kumamkela abo babekholwa kuye. Kaloku uMoya wayengekafiki, kuba ubungangamsha bukaYesu babungekabonakali.
Impikiswano ngoYesu
40Bakumva uYesu esitsho, abantu abathile esihlweleni bathi: “Ngenene lo mntu nguye lowa *Mshumayeli.”
41Abanye bathi: “Lo mntu *nguKrestu.”
Kodwa bambi bathi: “Angathini uKrestu ukuvela eGalili? 42*IziBhalo zithi uKrestu woba ngowendlu kaDavide, azalelwe eBhetelehem, idolophu awayehlala kuyo uDavide.” 43Kwabakho impikiswano ke esihlweleni ngenxa yakhe. 44Abanye babefuna ukumbamba, kodwa akubangakho bani umchukumisayo.
Ukungakholwa kweenkokheli zamaJuda
45Abagadi *bendlu kaThixo babuyela kubabingeleli abaziintloko *nabaFarasi, baza bona bathi kubo: “Kutheni ningezanga naye nje?”
46Baphendula abagadi abo bathi: “Akukho namnye umntu owakha wathetha njengalo.”
47Baza bathi abaFarasi: “Ngaba unilahlekisile na nani? 48Kwiinkokheli zethu nakubaFarasi ngaba kukho mntu wakha wakholwa kuye? 49Baqalekisiwe abantu abangawaziyo *umthetho kaMosis.”
50KubaFarasi abo kwakukho noNikodimo lowo wayekhe wadlana iindlebe noYesu, waza ke yena wathi kubo: 51“Umthetho wethu awuvumi okokuba umntu agwetywe lingathanga laxoxwa ityala lakhe, kwacaca oko akwenzileyo.”
52Baza bathi kuye: “Ngaba nawe lo ungowaseGalili na? Khawuphengulule *iziBhalo ubone, kuba akukho *mshumayeli uvela eGalili.”
[ 53Baza bagoduka ke bonke.]

Currently Selected:

UYOHANE 7: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy