YouVersion Logo
Search Icon

UYOSHUWA 17

17
UManase ongasentshonalanga kweJordan
1Inxalenye yomhlaba ongasentshonalanga kweJordan wabelwa ezinye izindlu zezindlu eziyinzala yonyana omkhulu kaJosefu uManase *ngamaqashiso. UMakire, uyise kaGiliyadi, wayengunyana omkhulu kaManase, umfo oligorha emfazweni. Yiyo ke loo nto wabelwa iGiliyadi neBhashan, ezingasempumalanga kweJordan. 2Umhlaba ongasentshonalanga kweJordan wona wabelwa inxalenye yezindlu zesizwe sakwaManase: ooAbhiyezere, Heleki, Aseriyeli, Shekem, Hefere, noShemida. Aba ngokwezindlu zabo yayingabazukulwana abangamadoda bakaManase unyana kaJosefu. 3UZelofehadi unyana kaHefere, ozalwa nguGiliyadi unyana kaMakire ozalwa nguManase, yena akazanga azale madoda, yaba ziintombi zodwa. Nanga amagama azo: uMala, noNowa, uHogela, noMilika, kunye noTirza. 4Zaya kuElazare umbingeleli, bekunye noYoshuwa unyana kaNune kwaneenkokheli, zafika zathi: “*UNdikhoyo uyalele uMosis ngelithi nathi aze asabele umhlaba kunye nezizalwana zethu ezingamadoda.” Ke ngoko zawunikwa umhlaba kwanjenge-zizalwana zabo ezingamadoda njengoko uNdikhoyo wayetshilo.
5Isizwe sakwaManase saba nezabelo ezilishumi nje ukongezelela kwiGiliyadi neBhashan engasempumalanga kweJordan, 6kungenxa yokuba abazukulwana bakaManase abaziintombi nabangamadoda babelwa umhlaba. Umhlaba waseGiliyadi wona wabelwa enye inxalenye yabazukulwana bakaManase.
7Ummandla wesizwe sakwaManase wawusuka eAshere use eMikemetati ngasempumalanga yeShekem. Umda wawusihla uye ngasezantsi, uquke bonke abantu base-En-tapuwa. 8Umhlaba owawungqinge iTapuwa wawungowakwaManase, kodwa sona isixeko saseTapuwa esisemdeni sasisesenzala kaEfrayim. 9Wawusihla loo mda ubheke ezantsi ngakwintlambo iKana. Izixeko ezingezantsi kwaloo ntlambo yayizezakwaEfrayim, nakuba zazikummandla wakwaManase nje. Umda wakwaManase wawucanda ngakwicala elingasentla kwaloo ntlambo, uye kuma ngolwandle. 10Isizwe sakwaEfrayim sasingasezantsi, esakwaManase sona singasentla, ulwandle lungasentshona. UAshere wayemi ngasentla koManase, uIsakare emi ngasempuma. 11Ngaphakathi kwemida yakwaIsakare nakwa-Ashere iBhete-shan kunye neIbleyam, neelali ezizingqongileyo, yayizezakwaManase, kwakunye neDore engaselwandle, ne-Endore, iTanaki, iMegido, kwaneelali ezizijikelezileyo. 12Isizwe sakwaManase kambe asizanga sibe nako ukubagxotha abemi bezo zixeko, kuba amaKanana ayezimisele ukuhlala khona. 13Naxa amaSirayeli selenamandla, akabanga nako ukuzithimba ezo zixeko zamaKanana, kambe awanyanzela ukuba abe zizicaka.
UEfrayim noManase ongasentshona kweJordan bacela ukongezwa umhlaba
14Bathi kuYoshuwa abazukulwana bakaJosefu: “Ngani ukuba usinike isiqwenga sibe sinye somhlaba, ukanti sibaninzi kangaka ngenxa yokuthamsanqeliswa kunene *nguNdikhoyo?”
15Wathi uYoshuwa: “Ukuba nibaninzi kangangokuba neleentaba lakwaEfrayim lingananeli, yiyani emahlathini, nifike nigece nizivulele umhlaba kwelamaPerezi namaRafa.”
16Baphendula bathi: “Eliya leentaba aliphangalele kangangokuba lingasanela, kanti ke phaya ezintilini amaKanana aneenqwelo zentsimbi, la ahlala eBhete-shan nalawa ahlala kule ntili yeYizereli xa ewonke.”
17Wathi uYoshuwa kubo: “Ngenene, ndlu kaJosefu, nina zinto zikaEfrayim nani zinto zikaManase, nibaninzi, yaye ninamandla. Niza kusongezwa isabelo senu. 18Eleentaba lelenu, nditsho lilihlathi linjalo. Kufuneka niligece nime kulo lonke. AmaKanana wona kufuneka niwagxothe, nditsho enezo nqwelo zentsimbi, omelele enjalo.”

Currently Selected:

UYOSHUWA 17: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy