YouVersion Logo
Search Icon

EYONQULO 19

19
Imithetho ngemithetho
1*UNdikhoyo wayalela uMosis ukuba makathi kwibandla lilonke lakwaSirayeli: 2“Yibani ngabantu abangcwele, kuba mna Ndikhoyo, Thixo wenu, ndingcwele. 3Hlonelani uyihlo nonyoko, nize *noMhla wokuPhumla niwugcine ngokomyalelo wam. Kaloku ndim uNdikhoyo uThixo wenu.
4“Nize ningandifulatheli niye kunqula izithixo; ningaziqingqeli imifanekiso. Kaloku mna Ndikhoyo ndinguThixo wenu.
5“Xa nixhele into yokwenza idini lobudlelane, ze nenze ngokommiselo endaninika wona, ukuze ndilamkele elo dini. 6Inyama yalo kufuneka ityiwe kanye ngalo mhla yawiswa ngawo loo nto yedini, kungenjalo ngomhla olandelayo. Ngomhla wesithathu yonke inyama eseleyo kufuneka itshiswe. 7Kaloku *selinomlaza, yaye ukuba kukho bani uyityileyo loo nyama, akayi kwamkeleka yena. 8Nabani na oyityileyo loo nyama wolizeka ityala. Kaloku uxabhele into eyahlulelwe mna. Loo mntu kufuneka asikwe kubantu bam.
9“Xa nivuna ze ningayisiki ingqolowa esemaphethelweni amasimi, ningakhwahlazi xa senivunile. 10Nasesidiliyeni ze ningakhwahlazi, newileyo ningayicholi. Ze niyiyekele amahlwempu kunye nabantu basemzini. Ndim kaloku uNdikhoyo uThixo wenu.
11“Ze ningebi, okanye nenze amaqhinga, okanye nixoke. 12Ungafungi ngegama lam uxoka. Ngokwenjenjalo unyelisa igama lam. Kaloku mna Ndikhoyo ndinguThixo wakho.
13“Ungaze umqhathe ummelwane wakho okanye umenzele ubuqhophololo. Musa ukuwubamba umvuzo womntu omqeshileyo, nditsho nobusuku obunye obu. 14Ungasithuki isithulu, okanye ubeke umqobo osisikhubekiso phambi kwemfama. Ndihlonele; kaloku ndinguNdikhoyo uThixo wakho.
15“Nize nigwebe ngobulungisa xa nichophele amatyala. Ze ningawenzeleleli amahlwempu, okanye nibe nomkhethe ngakwizityebi. 16Ningasasazi ulwimi ngabanye abantu, ningenzi nantoni na eya kubeka ubomi bomnye umntu esichengeni. Kaloku ndinguNdikhoyo.
17“Nize ningabi nanqala mntwini. Mkhalimele umntu owonayo, hleze nawe ube netyala. 18Ze ningaziphindezeli mntwini, okanye nimbambe isixhiba, koko nina mthandeni ummelwane wenu, kanye ngale ndlela nizithanda ngayo. Kutsho mna Ndikhoyo.
19“Yithobeleni imimiselo yam. Ze ningazekisi izilwanyana ezingelohlobo lunye, ningahlwayeli ndidi zahlukileyo zembewu ntsimini-nye, ningazambathi iimpahla ezilukwe ngemisonto eendidi zahlukileyo.
20“Ukuba indoda ithe yalala nekhobokazana esekuvunyelwene ngalo ukuba lithengiswe komnye, phofu lingekahlawulelwa, kufuneka bohlwaywe ngokulingene isenzo eso, kodwa bangàbulawa – kaloku ibiselikhobokazana. 21Loo ndoda kufuneka izisele uNdikhoyo inkunzi yegusha esangweni *lesibingelelo, ibe lidini lentlawulo. 22Uya kuthi ke umbingeleli enze ngayo idini longxengxezelo, aze ke loo mntu axolelwe isono sakhe nguNdikhoyo.
23“Nakufika eKanana ze nithi xa nityala imithi niyithathe njengemithi *enomlaza kwiminyaka emithathu yokuqala. Ngelo xesha ke ze ningatyi nto kuyo. 24Kunyaka wesine zonke iziqhamo mazinikelwe kum, mna Ndikhoyo, zibe ngumnikelo wombulelo. 25Kodwa kowesihlanu unyaka ningazitya iziqhamo. Xa nenjenjalo sochuma ngakumbi isivuno. Kutsho mna Ndikhoyo, Thixo wenu.
26“Ningatyi nyama inegazi. Ze ningavumisi, ningenzi naluphi na uhlobo lwemilingo. 27-28Xa nizilela abangasekhoyo ze ningazichebi iinwele ezisemacaleni entloko, neendevu ningaziphunguli. Ze ningavambi, ningenzi ntlanga emzimbeni. Kutsho mna Ndikhoyo.
29“Ningazingcolisi iintombi zenu ngokuzenza amahenyukazi. Xa nenjenjalo ilizwe loba lilizwe lobuhenyukazi, lize ke lizale yinkohlakalo. 30Nina ze niyigcine *iMihla yam yokuPhumla, nisihlonele isibingelelo sam. Kutsho mna Ndikhoyo.
31“Ningathathi ntonga niye kuvumisa kubantu abeva ngababhubhileyo. Xa nenza loo nto noba nezothe. Kutsho mna Ndikhoyo, Thixo wenu.
32“Bahloneleni abantu abadala, nibanike imbeko, nimhlonele uThixo wenu – ndinguNdikhoyo.
33“Ze ningabacinezeli abantu basemzini abahlala phakathi kwenu. 34Baphatheni ngokufanayo nabayinzala, nibathande kanye ngale ndlela nizithanda ngayo nani. Kaloku nani benikhe nangabantu basemzini eJiputa. Nditsho ke mna Ndikhoyo, Thixo wenu.
35“Ze ningaqhathi bani ngokusebenzisa imilinganiselo engeyiyo, nditsho eyobude nobunzima neyesixa. 36Sebenzisani imilinganiselo engenankqatho, nokuba yeyobude, nokuba yeyobunzima, nokuba yeyenani. Nditsho mna Ndikhoyo Thixo endanikhuphayo eJiputa. 37Yithobeleni yonke imimiselo yam nemithetho yam; kaloku ndinguNdikhoyo.”

Currently Selected:

EYONQULO 19: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy