YouVersion Logo
Search Icon

EYONQULO 22

22
Ukuhlonipheka kwamadini
1*UNdikhoyo wathi kuMosis: 2“Xelela uAron noonyana bakhe ukuba maze bayiphathe ngembeko iminikelo eyodwa eyahlulelwe mna ngamaSirayeli, bangalihlazisi igama lam elingcwele; kaloku mna ndinguNdikhoyo. 3Xa kuthe kwakho omnye kumlibo wenu othe lo gama *anomlaza wachukumisa iminikelo eyodwa eyahlulelwe mna ngamaSirayeli, kufuneka loo mntu angaze abuye alungiselele phambi kwam. Lo myalelo mawuhlale unjalo ngalo lonke ixesha. Kutsho mna Ndikhoyo.
4“Makungabikho namnye kwinzala ka-Aron othe, lo gama anesifo esisulelayo solusu okanye evuza ubovu, atye kwiminikelo eyahlulelwe mna de abe uhlanjululwe umlaza. Umbingeleli nawuphi na uba nomlaza xa athe wachukumisa nantoni na ethe yagudlana nesidumbu, okanye yena uzingcolise ngokuzichamela ngobudoda, 5okanye uchukumise umntu nokuba sisilwanyana esinomlaza. 6Loo mbingeleli uba nomlaza kude kutshone ilanga. Kanti ke akakabi nakutya nakuwuphi na kule minikelo iyodwa de abe uwuhlambile umzimba. 7Lakuba ilanga litshonile uyahlambuluka; angandula ke ukutya kwiminikelo eyahlulelwe mna. Kukutya kwakhe oko kaloku. 8Akufuneki ayitye inyama yento efileyo okanye ebulewe ngamarhamncwa. Yomenza umlaza loo nto. Kutsho mna Ndikhoyo.
9“Bonke ababingeleli kufuneka baqhube ngale migaqo ndiyimisileyo. Kungenjalo boba netyala, baze bafe ngenxa yokudelela le miyalelo iyodwa. NdinguNdikhoyo kaloku, ndim ozahlulela bona.
10“Kuphela ngumntu ophuma kumlibo wababingeleli onako ukutya kwiminikelo eyodwa. Akukho mntu wumbi unako ukutya, nditsho nkqu nohambele umbingeleli, nkqu nomntu osisicaka esiqeshiweyo ngumbingeleli. 11Kanti ke wona amakhoboka awathengileyo, okanye azalelwe kwakhe, angakutya ukutya okufunyanwa ngumbingeleli. 12Intombi yombingeleli eyendele kumntu ongenguye umbingeleli, nayo ayinakuba sakutya oko kutya. 13Kanti ke yona intombi engumhlolokazi okanye ebuya ekwendeni ingenabantwana, ize kuhlala kowayo, ixhomekeke kuyise, ingakutya ukutya okuza noyise ongumbingeleli. Ngumntu onelungelo kuphela onako ukutya oko kutya.
14“Xa kukho umntu ongenguye owomzi wombingeleli othe watya koku kutya kwababingeleli ngempazamo, kufuneka loo mntu ambuyisele umbingeleli ngokuzeleyo, ongeze ngomdliwo ngaphezulu. (Lo mdliwo woba sisinye esihlanwini.) 15Ababingeleli oku kutya kunikelwe kuNdikhoyo ngamaSirayeli maze bangakuxabheli 16ngokukunika abantu abangenalo ilungelo lokukutya. Loo nto kaloku imenzela ityala loo mntu, imzisele nesohlwayo. NdinguNdikhoyo kaloku; ndim ozahlulele ababingeleli.”
Iminikelo engamkelekiyo
17*UNdikhoyo wathi uMosis maze 18athethe noAron noonyana bakhe nakumaSirayeli ephela, athi: “Xa umSirayeli, okanye umntu wasemzini ohlala kwaSirayeli, esondeza kuNdikhoyo idini elitshiswayo, nokuba lelesithembiso asenzileyo, okanye lingumnikelo awenza eqhutywa yintliziyo, 19loo nto yokuxhelelwa idini kufuneka ingabi nasiphako. Ukuze loo nkomo, gusha okanye bhokhwe yokwenza idini yamkeleke, kufuneka ibe liduna, ingabi nasiphako. 20Xa loo nto ithe yanesiphako, ayikwamkeleka. 21Xa umntu esondeza kuNdikhoyo idini lobudlelane, ezalisekisa isithembiso asenzileyo, okanye lingumnikelo awenza eqhutywa yintliziyo, kufuneka loo nto yokuxhelelwa idini ingabi nasiphako, ukuze yamkeleke. 22Ningaze ninikele kuNdikhoyo ngento etyhaphakileyo, okanye eqhwalelayo, okanye eyenzakeleyo, nokuba yenesilonda esibhidlayo, okanye amaqhakuva. Into enjalo ningaze niyisondeze eqongeni nenze ngayo idini elitshiswayo. 23Umntu owenza idini ngokuqhutywa yintliziyo anganikela ngenkomo okanye igusha engakhulanga okanye engamilanga kakuhle, kodwa ayinakwamkeleka xa ngaba uyinikela ukuzalisekisa isithembiso asenzileyo. 24Into emasende enzakeleyo nakanjani na ze ningamenzeli ngayo idini uNdikhoyo. Loo nto ayivumelekanga apha kweli lakowethu ilizwe. 25Kwaye ningaze nenzele uNdikhoyo idini elityiwayo ngento elolu hlobo efunyenwe kumntu welinye ilizwe. Izinto ezinjalo zithathwa njengezinto ezinesiphako; azamkeleki.”
26UNdikhoyo wathi kuMosis: 27“Xa kuzelwe ithole nokuba litakane legusha nokuba lelebhokhwe, malingathathwa kunina kude kube ziintsuku ezisixhenxe; emva koko ke lamkelekile, kungenziwa idini ngalo ngomlilo. 28Ningalenzi idini ngemazi yenkomo kunye nethole layo ngemini enye, nditsho negusha kunye netakane layo, nkqu nebhokhwe netakane layo. 29Xa nenzela uNdikhoyo idini lombulelo ze nilenze ngohlobo lokuba lamkeleke; 30ze nilitye liphele kwangaloo mini, ningashiyeli ingomso. Kutsho mna Ndikhoyo.
31“Ewe, yithobeleni imiyalelo yam; kaloku ndinguNdikhoyo. 32Ze ningalihlazisi igama lam elahlukileyo. AmaSirayeli ephela kufuneka aqonde ukuba mna ndahlukile. Kaloku ndinguNdikhoyo; ndim ozahlulela nina ukuze nibe ngcwele. 33Kaloku ndanikhupha eJiputa, ukuze ndibe nguThixo wenu. Kutsho mna Ndikhoyo.”

Currently Selected:

EYONQULO 22: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy