YouVersion Logo
Search Icon

ULUKA 12

12
Isilumkiso ngokuzenzisa
(Mat 10:26-27)
1Ekubeni kwakuhlanganisene amawaka-waka abantu ababebaninzi ngokokude banyathelane, uYesu wathi kubafundi bakhe kuqala: “Lilumkeleni igwele *labaFarasi elikukuzenzisa. 2Akukho nto ifihliweyo ingayi kudizwa, nanto igqunyiweyo ingayi kwaziwa. 3Ngenxa yoko kothi enikuthethe ebumnyameni kuviwe ekuhleni, nenikusebeze ngasese kukhwazwe phandle.”
Ofanelwe kukoyikwa
(Mat 10:28-31)
4“Ndithi kuni, zihlobo zam, musani ukuboyika abo babulala umzimba, baze emva koko bangabi nanto yimbi banokuyenza. 5Nanku emanimoyike: yoyikani uThixo, yena lowo uthi emva kokubulala, abe negunya lokuphosa esihogweni. Ewe, ndithi kuni, moyikeni yena.
6“Iintakana ezincinci azithengiswa zibe ntlanu na ngeesenti ezimbini? Kanti akukho nanye kuzo elityelweyo nguThixo. 7Kwaneenwele ezi zeentloko zenu zibaliwe zonke. Ke musani ukoyika: nixabisekile kuneentakana ezininzi nina.”
Ukuvuma uKrestu ekuhleni
(Mat 10:32-33; 12:32; 10:19-20)
8“Ke ndithi kuni, wonke umntu othe wandivuma phambi kwabantu, wothi kwanaye *uNyana woLuntu amvume phambi kwezithunywa zikaThixo. 9Ke ondikhanyelayo ebantwini wokhanyelwa naye kwizithunywa zikaThixo.
10“Nabani na ke othe wathetha ilizwi elichasene naye uNyana woLuntu, woxolelwa; kodwa yena othe wanyelisa uMoya oyiNgcwele, akayi kuxolelwa.
11“Xa banimangalelayo *ezindlwini zesikhungo, nakwabaphetheyo, nakwabanamagunya, ze ningazixhaleli nisithi noziphendulela njani na, okanye nothini na; 12kuba uMoya oyiNgcwele uya kuthi ngelo xesha anifundise oko manikuthethe.”
Umzekeliso ngesityebi esisisiyatha
13Omnye esihlweleni wathi kuYesu: “Mfundisi, yitsho kumntakwethu sahlulelane ngelifa.”
14Ke yena wathi kuye: “Mntundini, ndibekwe ngubani na ukuba ndibe ngumgwebi nomahluli phakathi kwenu?” 15Wathi kubo: “Kulumkeleni konke ukubawa, kuba ubomi bomntu abuxhomekekanga ebuninzini bezinto anazo.”
16Waza uYesu wathetha umzekeliso kubo, esithi: “Umhlaba womntu othile osisityebi wachuma kakhulu. 17Yena wacinga esithi: ‘Ndiya kuthini na, kuba andinandawo ndinokusigcina kuyo isivuno sam?’ 18Waza wathi: ‘Nantsi into endiya kuyenza: ndiya kubadiliza oovimba bam, ndakhe abakhulu kunabo, ndiyihlanganisele kubo yonke ingqolowa yam nendyebo yam; 19ndize ke ndithi kuwo umphefumlo wam: Mphefumlo wam, unempahla eninzi yeminyaka emininzi; phumla, yitya, sela, chwayita!’ 20Ke uThixo wathi kuye: ‘Siyathandini, ngobu busuku uya kwahlukana nobomi bakho. Ziya kuba zezikabani ke ezo zinto uzilungisileyo?’ 21Únjalo ke lowo uziqwebela ubutyebi, kodwa engenabutyebi kuThixo.”
Themba uThixo
(Mat 6:25-34)
22Waza ke uYesu wathi kubafundi bakhe: “Kungoko ndithi kuni: musani ukubuxhalela ubomi benu, nisithi notya ntoni na; ningawuxhaleli nomzimba wenu, nisithi nonxiba ntoni na. 23Ubomi bungaphezulu kunokutya, nomzimba ungaphezulu kunesinxibo. 24Qondani ngamahlungulu la. Wona akahlwayeli, engavuni nokuvuna; akanasisele, engenavimba; kanti noko uThixo uyawondla! Ke nina nibeke phi na ukuxabiseka kuneentaka! 25Nguwuphi na kuni onokuthi ngokuxhala ongeze nentwana le ebudeni bobomi bakhe? 26Ukuba ke aninako ukwenza neyona nto incinane, kungani na ukuba nizixhalele ezinye? 27Qondani ngeenyibiba ukukhula kwazo. Azisebenzi, zingaluki nokuluka oku, kanti ngenene naye uSolomon kubo bonke ubunewu-newu bakhe wayengavathiswanga nanjenganye kuzo. 28Ukuba ke uThixo wenjenje ukuyambesa ingca, yona isendle namhlanje, ize ngomso iphoswe eziko, wobeka phi na ukunambesa nina, bantundini balukholo luncinane! 29Nize ke ningaxhalabi nifuna ukuba ningatya ntoni na, nisele ntoni na! 30Ngabangakholwayo abahlala besukelana nazo zonke ezi zinto. Ke nina ninoYihlo owaziyo xa niziswele. 31Zondelelani ukulawulwa nguye; zothi ke zonke ezo zinto zongezelelwe kuni.”
Ubutyebi ezulwini
(Mat 6:19-21)
32“Musani ukoyika, mhlambi omncinane, kuba kukholekile kuYihlo ukunamkelela kulawulo lwakhe olutsha. 33Thengisani ngeninako, niphe amahlwempu. Zenzeleni izipaji ezingagugiyo, nibulondoloze ezulwini ubutyebi benu, apho bungapheliyo, kungasondeli sela, kungonakalisi nanundu. 34Kaloku apho bukhona ubutyebi benu, yoba lapho kwanentliziyo yenu.”
Izicaka eziphaphileyo
35“Hlalani niphaphile, nifinyezile, nezibane zenu zivutha, 36ninjengabantu abalindele ukubuya kwenkosi yabo emtshatweni, abothi, yakufika inkqonkqoze, bayivulele kwangoko. 37Zinoyolo ezo zicaka eyothi yakufika inkosi yazo, izifumane zilindile. Ndithi kuni, inene, loo nkosi iya kubhinqa, izihlalise phantsi ezo zicaka, ize isondele izilungiselele. 38Nokuba ke ithe yafika ezinzulwini zobusuku, okanye ekuzeni kokusa, yazifumana zilindile, zinoyolo ezo zicaka. 39Kakade ukuba umninindlu ebesazi ukuba isela lofika nini na, ebeya kulinda, angayiyekeli indlu yakhe iqhekezwe. 40Nani ke ngoko hlalani niphaphile, kuba uNyana woLuntu woza ngexesha eningamlindelanga ngalo.”
Ngokuthembeka
(Mat 24:45-51)
41Ke uPetros wathi kuYesu: “Nkosi, ngaba lo mzekeliso uwuthetha kuthi, okanye uwuthetha kubo bonke abantu?”
42INkosi yathi: “Ngubani na osisicaka esithembekileyo nesiqondayo, eyothi inkosi yaso isimisele phezu kwabendlu yayo, ukuze sibanike umxhesho wabo ngexesha elililo? 43Sinoyolo eso sicaka eyothi inkosi yaso yakufika, isifumane sisenjenjalo. 44Ndithi kuni, inene, inkosi yothi eso sicaka isimise phezu kwayo yonke impahla yayo. 45Kodwa ukuba eso sicaka sisuke sacinga sathi: ‘Inkosi yam ilibele;’ size ke sisuke sizibethe ezinye izicaka nezicakakazi, sidle, sisele, sinxile; 46yofika inkosi yeso sicaka ngemini esingayilindelanga, nangelixa esingalaziyo, ize isixabele isinqumle kubini njengoko kusenziwa kwabangathembekanga.
47“Isicaka esikwaziyo oko kufunwa yinkosi yaso, sisuke singakukhathaleli, singakwenzi, siya kubethwa imivumbo emininzi. 48Ke isicaka esingaqondiyo sisuke senze okufanelwe yimivumbo, siya kubethwa ibe mbalwa. Kubo bonke abanikwe okuninzi, kuya kufunwa okuninzi; nakulowo unikwe ngokungaphezulu, kuya kubizwa ngokungaphezulu.”
Imbambano engoYesu
(Mat 10:34-36)
49“Ndizise umlilo ehlabathini; hayi ukunqwenela kwam ukunga ungewusewuvutha! 50Kukho lubhaptizo ndifanele ukubhaptizwa ngalo; ke ndisezimbandezelweni ezinkulu lude lufezeke! 51Niba ndizise uxolo na ehlabathini? Ndithi kuni, hayi, ndizise imbambano! 52Kuya kuthi, ukususela ngoku, kubekho abahlanu ndlwini-nye bengavani; abathathu bengavani nababini, nababini bengavani nabathathu; 53ibe yiyantlukwano phakathi koyise nonyana, unyana noyise; unina nentombi, intombi nonina; uninazala nomolokazana, umolokazana no ninazala.”
Ukucalula ixesha
(Mat 16:2-3)
54UYesu wathi kwisihlwele: “Xa nithe nabona ilifu livela entshonalanga nikhawuleza nithi: ‘Iza kuna;’ kuze kube njalo. 55Naxa kukho umoya ovela entlango, nithi: ‘Kuya kuba shushu;’ kuze kube njalo. 56Mamenemenendini, niyakwazi ukuyiqonda imo yezulu. Kungani na ke ukuba ningayicaluli yona le mihla?”
Lungisana nokumangalelayo
(Mat 5:25-26)
57“Kungani na ukuba nina ngokwenu ningenzi sigqibo ngoko kulungileyo? 58Xa usiya enkundleni unommangaleli wakho, yithi kwalapho endleleni uzame ukulungisana naye, hleze akurhuqele enkundleni, aze umgwebi akunikele kumsila, yena akuphose entolongweni. 59Inene, akusayi kuphuma apho de uhlawule neyona malana yokugqibela.”

Currently Selected:

ULUKA 12: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy