YouVersion Logo
Search Icon

ULUKA 15

15
Umzekeliso ngegusha eyayilahlekile
(Mat 18:12-14)
1Ke kaloku into eninzi yabaqokeleli-rhafu *naboni yasondela kuYesu, yamngqonga ukuba imphulaphule. 2*AbaFarasi nabachazi-mthetho babekhalaza, besithi: “Lo mfo uthene nca naboni; utya nabo.”
3Waza ke uYesu wenza umzekeliso wathi: 4“Nguwuphi na kuni onokuthi enekhulu leegusha, kuze kulahleke enye kuzo, angazishiyi endle ezo zimashumi alithoba anethoba, aye kufuna leyo ilahlekileyo, ade ayifumane? 5Hayi ukuvuya kwakhe ke akuba eyifumene! Woyithwala emagxeni, 6athi akufika ekhaya, abizele ndawonye abahlobo nabamelwane, esithi kubo: ‘Vuyisanani nam, kuba ndiyifumene igusha yam ebilahlekile.’ 7Ndiyanixelela ukuba ngokukwanjalo kuya kubakho uvuyo ezulwini nangomoni omnye oguqukayo kunamashumi alithoba anethoba lamalungisa angaswelanga nguquko.”
Umzekeliso ngemali eyayilahlekile
8“Kananjalo nguwuphi na umfazi onokuthi eneenkozo zemali ezilishumi, kuze kulahleke lube lunye kuzo, angalumeki isibane, atshayele indlu, afunisise enyamekile, ade alufumane? 9Akulufumana ke, ubabizela ndawonye abahlobo nabamelwane, athi: ‘Vuyisanani nam; ndilufumene ukhozo lwemali obelulahlekile.’ 10Ngokunjalo ndithi kuni kuya kubakho uvuyo kwizithunywa zikaThixo ngomoni omnye oguqukayo.”
Umzekeliso ngomntu noonyana bakhe ababini
11Waqhuba uYesu wathi: “Umntu othile wayenoonyana ababini. 12Yathi ke inci kuyise: ‘Bawo, ndinike isabelo sempahla elilungelo lam.’ Wababela ke impahla leyo. 13Kwathi, kungekabi ntsuku zingaphi, inci yathatha konke okwayo, yemka kwelakowayo, yaya ezweni elikude, yaza yathi khona apho yayichitha impahla yayo ngokungakhathali. 14Kwathi yakuba iyichithe yonke, kwabakho indlala enzima kwelo zwe, yaza yaswela nayo. 15Ke yona yaya kusebenza komnye kubemi belo zwe, owathi yena wayithumela emasimini akhe ukuba iye kwalúsa iihagu. 16Ke ibinqwenela ukutya amaxolo awayetyiwa ziihagu ezo, kodwa kwakungekho mntu uyiphayo. 17Ke kaloku, yakubuyela ezingqondweni, yathi: ‘Kanene bangakanani na abaqeshwa bakabawo abahlutha sisonka, kanti ndim lo mna ndisifa yindlala! 18Ndiya kusuka ndiye kubawo, ndithi kuye: Bawo, ndimonile uThixo, nawe ndikonile. 19Andisafanelanga nokuba kuthiwe ndingunyana wakho, ndénze ndibe njengomnye wabaqeshwa bakho.’ 20Yesuka ke, yaya kuyise.
“Ke kaloku kwathi, isekude lee, uyise wayibona, wavelana nayo, wayikhawulela, wayigona, wayanga. 21Ke unyana wathi kuye: ‘Bawo, ndimonile uThixo, nawe ndikonile. Andisafanelanga nokuba kuthiwe ndingunyana wakho.’ 22Kodwa uyise wathi kwizicaka zakhe: ‘Khawulezisani, nize nesona sambatho sihle, nimambathise, nifake umsesane emnweni wakhe, nezihlangu ezinyaweni zakhe. 23Ze ke nize nelaa thole lityetyisiweyo, nilixhele, sitye sichwayite; 24kuba lo nyana wam ubefile, wabuya waphila; ubelahlekile, wafunyanwa.’ Baza ke bona bachwayita.
25“Ke yona inkulu yayivela emasimini, kwathi yakusondela endlwini, yeva iingoma nokududa. 26Yabizela kuyo esinye kwizicaka, yasibuza ukuba kwenzeka ntoni na. 27Isicaka sathi kuyo: ‘Umninawe wakho ubuyile. Ke uyihlo uxhele elaa thole lityetyisiweyo, kuba ebuye wamzuza ephilile.’ 28Yaqumba inkulu, ayavuma nokungena oku, waza uyise waphuma wacengana nayo. 29Kodwa yona imphendule uyise yathi: ‘Khangela, ndikukhonze le minyaka ingakanana, ndingazange ndagqitha namnye umthetho wakho, kanti akuzange undinike netakane eli, ukuze ndichwayite nezam izihlobo. 30Kodwa akufika lo nyana wakho, lo wayidlayo wayigqiba impahla yakho namahenyukazi, usuke wamxhelela elaa thole lityetyisiweyo.’ 31Ke uyise wathi kuyo: ‘Nyana wam, wena uhleli unam, zaye zonke izinto zam zezakho. 32Kufanelekile ukuba sichwayite sigcobe, kuba umninawa wakho lo ebefile wabuya waphila, ebelahlekile wafunyanwa.’ ”

Currently Selected:

ULUKA 15: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy