YouVersion Logo
Search Icon

ULUKA 9

9
Ukuthunywa kwabafundi abalishumi elinambini
(Mat 10:5-15; Marko 6:7-13)
1Ke kaloku uYesu ubabizele ndawonye abafundi bakhe abalishumi elinambini, wabanika amandla negunya lokoyisa zonke iindimoni, nokuphilisa izifo. 2Wabathuma ukuba bashumayele bavakalise ulawulo lukaThixo, baphilise nemilwelwe. 3Wathi kubo: “Ze ningaphathi nto yandlela: nokuba ngumsimelelo, nokuba yingxowa, nokuba sisonka, nokuba yimali. Ningaphathi zambatho ngazibini. 4Nasemzini enithe nafikela kuwo, hlalani khona nide nimke kuloo ndawo. 5Apho sukuba benganamkeli, manithi ekuphumeni kwenu kuloo dolophu, niluvuthulule nothuli olusezinyaweni zenu, ukuze oko kube bubungqina bokuba abanamkelanga.”
6Baphuma ke, bazityhutyha iidolophana, beshumayela iindaba ezimnandi, bephilisa kuzo zonke iindawo.
UHerode unexhala
(Mat 14:1-12; Marko 6:14-29)
7UHerode, owayephethe kuloo mmandla, waziva zonke izinto ezenziweyo nguYesu. Wasuka wanexhala, kuba kwakusithiwa: “Kuvuke uYohane kwabafileyo;” 8kusithiwa: “Kubonakele uEliya;” kusithiwa ngabanye: “Kubuye kwavuka *umshumayeli wexesha lamanyange.”
9UHerode ke wathi: “Ndamnqumla intloko nje uYohane. Ngaba ngubani ke lo ndiva kuthethwa ezi zinto ngaye?” Watsho wafuna ukumbona.
UYesu wandisa ukutya
(Mat 14:13-21; Marko 6:30-44; Yoh 6:1-14)
10Ekubuyeni kwabo *abathunywa bamxelela uYesu oko bakwenzileyo. Wabathatha ke, wemka nabo, waya kwidolophu ekuthiwa yiBhetesayida. 11Sithe isihlwele, sikwazile oko, samlandela; waza uYesu wasamkela, wathetha naso ngolawulo lukaThixo, ephilisa abo baswele impilo.
12Yakuba ke isimka imini, abafundi abalishumi elinambini bathe kuYesu: “Sindulule isihlwele, abantu bemke, baye ezidolophini ezijikelezileyo nasezilalini, balale, bafumane ukutya, kuba apha sikwindawo engenamizi.”
13Ke yena wathi kubo: “Bapheni nina ukutya, batye.”
Bathi bona: “Sinezonka ezihlanu neentlanzi ezimbini kuphela. Asinakubatyisa ngaphandle kokuba siye kubathengela ukutya bonke aba bantu.” 14(Kwakukho amadoda akumawaka amahlanu.)
Wathi kubafundi bakhe: “Bahlaliseni babe ngamaqela ngamaqela, iqela ngalinye libe ngamashumi amahlanu.”
15Benjenjalo ke, babahlalisa phantsi bonke. 16Ezithathile ezo zonka zihlanu nezo ntlanzi zimbini, ukhangele ezulwini, wabulela, waziqhekeza, wamana enika abafundi bakhe ukuba babele isihlwele. 17Badla ke bahlutha bonke, kwaza kwaqokelelwa iingobozi ezilishumi elinambini zokutya okuseleyo.
UPetros uyavuma ukuba uYesu unguKrestu
(Mat 16:13-19; Marko 8:27-29)
18Kwathi uYesu ethandaza bucala enabafundi bakhe, wababuza esithi: “Ngaba izihlwele ezi zithi ndingubani?”
19Baphendula bona bathi: “Kuthiwa unguYohane umbhaptizi. Abanye bathi unguEliya. Kanti abanye bathi kubuye kwavuka mshumayeli uthile wamandulo.”
20Wathi kubo: “Ke nina nithi ndingubani?”
Waphendula uPetros wathi: “Unguye *uKrestu kaThixo.”
21UYesu wabayala ngqongqo ukuba le nto bangayithethi mntwini.
UYesu ufundisa okokuqala ngokufa nokuvuka kwakhe
(Mat 16:20-28; Marko 8:30 – 9:1)
22Waza wathi uYesu: “*UNyana woLuntu umelwe kukuba eve ubunzima obukhulu; achaswe ngamadoda amakhulu, nangababingeleli abaziintloko, nangabachazi-mthetho; aze abulawe, athi emva kweentsuku ezintathu abuye avuke.”
23UYesu ke wabhekisa kubo bonke wathi: “Osukuba ethanda ukundilandela makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe imihla ngemihla, andilandele; 24kuba othe wabukokosa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo; kodwa othe wabuncama ubomi bakhe ngenxa yam, wobusindisa. 25Kuba kaloku komnceda ntoni na umntu ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, abe yena ezilahlile okanye onakalelwe? 26Kuba othe waneentloni ngam, nangamazwi am, naye uNyana woLuntu woba neentloni ngaye, xa eza esewongeni lakhe nelikaYise nelezithunywa ezingcwele. 27Inene, kukho abathile kwabakhoyo apha abangayi kuze beve kufa, bade balubone ulawulo olutsha lukaThixo.”
UYesu wenziwa kumila kumbi
(Mat 17:1-8; Marko 9:2-8)
28Kwathi, malunga neveki emva kokuba uYesu ezithethile ezi zinto, wathatha uPetros noYohane noYakobi, wenyuka nabo waya entabeni, esiya kuthandaza. 29Kwathi ethandaza njalo, ubuso bakhe babonakala bububumbi, nesambatho sakhe siqaqambile, simenyezela. 30Kwavela amadoda amabini, uMosis noEliya, bathetha naye. 31Babebengezela, baza bancokola naye ngokunduluka kwakhe okwakumele ukuba seJerusalem. 32Ke kaloku uPetros nâbo babenaye basindwa bubuthongo, kodwa bakuthi balulu, babubona ubuqaqawuli bukaYesu, bewabona naloo madoda mabini ayemi naye. 33Ke akwahlukana noYesu la madoda, uPetros wathi kuye: “Ngxatsho ke ukuba sibe lapha, Mhlekazi! Masakhe amaphempe abe mathathu: elinye libe lelakho, elinye libe lelikaMosis, elinye libe lelikaEliya.” (Watsho engayazi into ayithethayo.)
34Kwathi ke esatsho, kwabakho ilifu elibagubungelayo. Boyika ke abafundi bakungena efini ooMosis. 35Kwabakho nelizwi liphuma efini apho, lisithi: “Lo nguNyana wam onyuliweyo; mveni yena.”
36Lakutsho ke elo lizwi, uYesu bambona seleyedwa. Abafundi bazigcina ezo zinto babezibonile, àbaxelela mntu ngazo ngaloo mihla.
Ukuphiliswa komntwana onamafufunyana
(Mat 17:14-18; Marko 9:14-27)
37Ke kaloku ngomhla olandelayo, xa babehlile entabeni, uYesu wahlangatyezwa sisihlwele. 38Kwavela indoda esihlweleni apho, ikhwaza isithi: “Mfundisi, ndiyakubongoza, khawundincede ngonyana wam okuphela kwakhe. 39Ùsuka ahlaselwe yindimoni, atsho ngesikhalo, aquleke, alephuze amagwebu. Uphatheka kakubi yile ndimoni, kube nzima ukwahlukana nayo. 40Ndibabongozile abafundi bakho ukuba bayikhuphe, kodwa boyiswa.”
41Waphendula uYesu wathi: “Sizukulwanandini esingakholwayo, esigwenxa, koda kube nini na ndinani, ndininyamezele? Mzise apha unyana wakho.”
42Eseza ke, indimoni isuke yamhlasela watsho waxhuzula. Wayikhalimela indimoni uYesu, waphila umntwana, wambuyisela kuyise. 43Batsho bamangaliswa ke bonke kukusebenza kwamandla kaThixo.
UYesu ufundisa okwesibini ngokufa nokuvuka kwakhe
(Mat 17:22-23; Marko 9:30-32)
Ke bonke babemangalisiwe zizinto zonke awayezenza uYesu; waza wathi kubafundi bakhe: 44“Waphulaphuleni kakuhle la mazwi: *uNyana woLuntu wonikelwa ezandleni zabantu.” 45Kodwa bona babengaliqondi eli lizwi – lalifihlakele kubo. Babesoyika nokumbuza ngalo.
Oyena mkhulu
(Mat 18:1-5; Marko 9:33-37)
46Ke kaloku babephikisana ngokuba nguwuphi na omkhulu phakathi kwabo. 47UYesu ke, ezazi iingcamango zeentliziyo zabo, uthathe umntwana, wammisa ngakuye, 48wathi kubo: “Othe wamamkela lo mntwana egameni lam, wamkela mna; nothe wamkela mna, wamkela lowo undithumileyo; kuba oyena mncinane phakathi kwenu nonke, ngoyena mkhulu.”
Ongachasananga nathi ungakuthi
(Marko 9:38-40)
49Wavakala uYohane esithi: “Mhlekazi, sibone umntu ekhupha iindimoni ngegama lakho, saza samnqanda, kuba akakulandeli kunye nathi.”
50Ke uYesu wathi kuye: “Sanukumnqanda, kuba ongachasananga nani ungakuni.”
Ukungamkelwa kukaYesu ngamaSamariya
51Yakusondela imihla yokuba uYesu anyuselwe ezulwini, wazimisela ukuya eJerusalem. 52Ke kaloku wathuma abathunywa bakhe, ukuba bamandulele. Bahamba ke, baya kungena kwidolophana yamaSamariya, khon' ukuze bamlungiselele; 53kodwa amaSamariya akavumanga ukumamkela, kuba uYesu wayesinga eJerusalem. 54Bekubonile oko abafundi bakhe uYakobi noYohane, bathe: “Nkosi, uyafuna na ukuba sitsho kuhle umlilo ezulwini, ubatshabalalise?”
55Wathi guququ, wabakhalimela; 56baza baya dolophaneni yimbi.
Ukulandela uYesu
(Mat 8:19-22)
57Kwathi, besendleleni, othile wathi kuYesu: “Nkosi, ndiya kuba ngumlandeli wakho, ndiye naphi na apho uthe waya khona.”
58Waza uYesu wathi kuye: “Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zineendlwana; kodwa yena *uNyana woLuntu akanayo nendawo le yokufaka intloko.”
59Wathi komnye: “Yiba ngumlandeli wam.”
Ke yena wathi: “Nkosi, ndivumele ndiye kungcwaba ubawo kuqala.”
60UYesu wathi kuye: “Bayeke abafileyo, bangcwabe abafileyo babo. Ke wena, hamba uye kushumayela uvakalise ulawulo lukaThixo.”
61Wathi nomnye: “Ndiya kuba ngumlandeli wakho, Nkosi, kodwa kuqala ndivumele ndiye kubulisa abendlu yam.”
62UYesu wathi kuye: “Umntu ojonga ngasemva, ebambe ikhuba, uyabhanka. Ngokunjalo ke nomntu ophunguzayo ekhonza uThixo, uyaphoswa bubuncwane bokulawulwa nguThixo.”

Currently Selected:

ULUKA 9: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy