YouVersion Logo
Search Icon

UMATEWU 11

11
UYohane umbhaptizi uthumela abafundi kuYesu
(Luka 7:18-35)
1Kwathi uYesu akugqiba ukubayalela abafundi bakhe abalishumi elinambini, wemka apho, waya kushumayela kwiidolophu zalapho.
2UYohane, esentolongweni, weva ngemisebenzi kaKrestu, waza wathumela abafundi bakhe, 3ukuba babuze kuye, bathi: “Ungulowo uzayo na wena, okanye masilinde omnye?”
4Waphendula uYesu, wathi kubo: “Hambani niye kumbalisela uYohane ezi zinto nizibonayo nenizivayo; 5okokuba iimfama zibuya zibone, iziqhwala ziyahamba, abaneqhenqa bayahlanjululwa, izithulu ziyeva, abafileyo bayavuswa, abasweleyo bayazishunyayezwa iindaba ezimnandi. 6Unoyolo othe akakhutyekiswa ndim!”
7Bakuba bemkile ke abathunywa bakaYohane, uYesu wathetha ngoYohane kwisihlwele, esithi: “Naniphume nisiya kubona ntoni na entlango? Yayiyingcongolo na izanya-zanyiswa ngumoya? 8Naniphume nisiya kubona ntoni na kakade? Yayingumntu ohombileyo na? Niyabona, abo bahombayo basezindlwini zookumkani. 9Ngaba naniphumele ntoni kakade? *Yayingumshumayeli? Ewe, ndithi kuni, nibone oyena ungumshumayeli ngokupheleleyo. 10UYohane ngulowo uThixo atshoyo ngaye *eziBhalweni ukuthi:
“ ‘Naso isigidimi sam esiya kukwandulela,
sikugabulele izigcawu.’
11“Ndithi kuni, inene, kubo bonke abazelwe kweli hlabathi akukho bani mkhulu kunoYohane umbhaptizi; kanti noyena mncinane ùphantsi kolawulo olutsha lukaThixo, mkhulu kunaye. 12Ukususela kwimihla kaYohane umbhaptizi, kude kube ngoku, abantu babegxalathelana ukuya kulo ulawulo lukaThixo, abazimiseleyo bengena benyathelana. 13Kwakuvakaliswa izibhalo zabo bonke *abashumayeli *nomthetho kaMosis, de kwafika uYohane. 14UYohane nguye uEliya olindelweyo – ukuba ngaba niyavuma ukukwamkela oko. 15Oneendlebe zokuva makeve.
16“Ndiya kubafanisa nantoni na ke abantu besi sizukulwana? Bafana nabantwana abahleli ebaleni lembutho, abanye bebhekisa kwabanye besithi:
17“ ‘Sanombelela, naza nina anaxhentsa;
sanihlabelela ingoma yesililo, naza nina analila!’
18“Kuba kaloku wafika uYohane umbhaptizi, ezila ukutya, engaseli wayini, kwaza kwathiwa: ‘Unendimoni.’ 19Wafika yena uNyana woLuntu esidla esela; kwaza kwathiwa: ‘Khanibone, umntu onyolukileyo, indlamanzi, umhlobo wabaqokeleli-rhafu naboni!’ Noko ke ubulumko bukaThixo bubonakala buyinyaniso ngayo yonke imisebenzi esisiqhamo sabo.”
Kunyembelekile kwiidolophu zabangakholwayo
(Luka 10:13-15)
20Waza uYesu wazisola ngokungaguquki kwazo iidolophu apho wayesenza khona inkoliso yemimangaliso yakhe, esithi: 21“Mawoo, wena Korazin! Mawoo, wena Bhetesayida! Ukuba imimangaliso eyenzeke kuni yayenzeke eTire naseSidon, abemi bakhona ngebaguqukayo kwakudala, bambatha ezirhwexayo, bazigalela uthuthu. 22Ewe, ndithi kuni, ngomhla womgwebo koba nokunyamezeleka okweTire nokweSidon kunokwenu. 23Wena Kapernahum, unga ungaphakanyiselwa ezulwini na? Hayi, uya kuphoswa phantsi kwelabafileyo. Ukuba yayithe yenzeka eSodom imimangaliso eyenzeke kuwe, ngeyisekho nanamhla. 24Ewe, ndithi kuni, ngomhla womgwebo koba nokunyamezeleka okweSodom kunokwenu.”
Isimemo kobulalekayo
(Luka 10:21-22)
25Ngelo xesha uYesu wathi: “Ndiyakudumisa, wena Bawo, Nkosi yezulu nomhlaba, ngokuzifihla kwakho ezi zinto kwizilumko neengqondi, wazityhilela iintsana. 26Ewe, Bawo, wênjenje kuba kukholekile kuwe.
27“Zonke izinto ziphathiswe mna nguBawo; kananjalo akukho bani umaziyo uNyana, ngaphandle koYise, kungekho bani umaziyo uYise ngaphandle koNyana, nalowo uNyana athanda ukumtyhilela.
28“Yizani kum, nina nonke nisindwayo, nibulalekayo; ndoniphumza. 29Ngenani edyokhweni yam, nifunde kum, kuba mna ndilulamile, ndingontliziyo ithobekileyo. Nothi ke nizifumanele ukuphumla iintliziyo zenu, 30kuba idyokhwe yam ayityabuli, nomthwalo wam ulula.”

Currently Selected:

UMATEWU 11: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy