YouVersion Logo
Search Icon

UMATEWU 20

20
Umzekeliso ngabasebenzi-sidiliyeni
1“Ukulawula kukaThixo kunokufaniswa nomninimzi owaphuma kusasa, waya kuqesha abantu bokusebenza esidiliyeni sakhe. 2Akuba evumelene nabo ukubanika loo mali baqhele ukuyamkela ngemini, wabathumela ke esidiliyeni sakhe. 3Emva kwexesha uphinde waya ebaleni lembutho, wabona amanye amadoda emi apho engasebenzi, 4waza wathi kuwo: ‘Nani yiyani kusebenza esidiliyeni sam. Ndonamkelisa umvuzo ofanelekileyo.’ 5Aya ke. Uphinde wenjenjalo nasemini, nasemva kwemini. 6Emalanga uphinde waya, wabona amanye amadoda emi apho, wathi kuwo: ‘Kutheni na ukuba nime apha imini yonke ningasebenzi?’ 7Athi kuye: ‘Kungenxa yokuba kungekho mntu usiqeshileyo.’ Waza wathi kuwo: ‘Nani yiyani kusebenza esidiliyeni sam.’
8“Kwakuhlwa ke umninimzi wathi kunobhalana wakhe: ‘Babize abasebenzi, ubamkelise, uqale ngabafike ekugqibeleni, uye kwabafike kuqala.’ 9Beza ke abo babeqeshwe emalanga, baza banikwa loo mali baqhele ukuyamkela ngemini. 10Bakufika ke abo babeqeshwe kuqala, baba baya kwamkeliswa ngaphezulu, kodwa kwanabo banikwa loo mali baqhele ukuyamkela ngemini. 11Beyamkele ke basuke bamkhalazela umninimzi, 12besithi: ‘La madoda afike mva asebenza nje ixeshana, kanti wena uwamkelise ngokulingana nathi, thina esibulaleke kangaka ngumsebenzi, sitshiswa lilanga imini yonke!’ 13Umninimzi wabhekisa komnye, wathi: ‘Mfondini, andiqhathanga mntu. Besingavumelananga na ngemali eqhele ukwamkeliswa umntu ngemini? 14Thatha imali yakho, uhambe. Ndizithandele okokuba lo mntu ufike mva ndimamkelise njengawe. 15Kakade ndingenza nayiphi na into endiyithandayo ngemali yam. Kutheni ukuba wena ube nomona ngenxa yokuba mna ndinenceba?’
16“Kwangokunjalo ke abokugqibela boba ngabokuqala, nabokuqala babe ngabokugqibela.”
UYesu ufundisa okwesithathu ngokufa nokuvuka kwakhe
(Marko 10:32-34; Luka 18:31-34)
17Kwathi, xa uYesu wayeza kuya eJerusalem, wababizela ecaleni abafundi bakhe abalishumi elinambini, wathetha nabo behamba endleleni, wathi: 18“Niyabona, siya eJerusalem, apho *uNyana woLuntu aya kunikelwa khona kubabingeleli abaziintloko nakubachazi-mthetho. Baya kumgwebela ukufa, 19bamnikele ezandleni zeentlanga. Zona ke ziya kumenza intlekisa, zimkatse, zimbethelele emnqamlezweni; aze athi ngomhla wesithathu abuye avuke ekufeni.”
Umka-Zebhedi ucelela oonyana bakhe
(Marko 10:35-45)
20Ngelo xesha unina woonyana bakaZebhedi weza kuYesu, ehamba noonyana bakhe; wafika wavova phambi kwakhe enesicelo. 21UYesu wathi kuye: “Ufuna ntoni?”
Wathi yena: “Ndicela ukuba aba nyana bam babini ubanike ezona zikhundla ziphezulu xa wena ungukumkani.”
22Waphendula uYesu wathi: “Aniyazi into eniyicelayo. Ninako ukuyinyamezela intlungu endiza kuyiva mna?”
Bathi ke bona kuye: “Sinako.”
23Wathi kubo uYesu: “Okunene, intlungu yam niya kuyiva; kodwa kona ukwaba izikhundla akulolungelo lam. Ezo zikhundla zezabo bazilungiselelweyo nguBawo.”
24Bekuvile oku abafundi abalishumi, bakhathazeka yile nto yaba bafo bakaZebhedi. 25Waza uYesu wababizela kuye, wathi: “Niyazi ukuba ezintlangeni abo balawulayo banobukhosi; nâbo bazizikhulu zazo benza ngegunya. 26Kodwa ke ze kungabi njalo phakathi kwenu. Ofuna ukuba mkhulu phakathi kwenu, makabe ngumkhonzi wenu; 27nofuna ukuba ngowokuqala kuni, makabe sisicaka senu; 28abe njengaye *uNyana woLuntu, yena ongezanga kukhonzwa, koko oweza kukhonza nokuncama ubomi bakhe bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.”
Ukuphiliswa kweemfama ezimbini zaseJeriko
(Marko 10:46-52; Luka 18:35-43)
29Ekuphumeni kwabo eJeriko, uYesu walandelwa sisihlwele esikhulu sabantu. 30Kwakukho iimfama ezimbini zihleli ngasendleleni, ezathi, zakuva ukuba kugqitha uYesu, zadanduluka zisithi: “Nkosi, Nyana kaDavide, senzele inceba!” 31Isihlwele sazikhalimela ukuba zithi tu, kodwa zadanduluka ngakumbi zisithi: “Nkosi, Nyana kaDavide, senzele inceba!”
32Wema ke uYesu, wazibiza, wathi: “Nifuna ndinenzele ntoni na?”
33Zona zathi kuye: “Nkosi, sicela ukuba kuvulwe amehlo ethu sibone.”
34Wavelana nazo ke uYesu, wawachukumisa amehlo azo, zaza kwangoko zaba nokubona, zamlandela.

Currently Selected:

UMATEWU 20: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy