YouVersion Logo
Search Icon

UMATEWU 21

21
UYesu ungena eJerusalem ekhwele idonki
(Marko 11:1-11; Luka 19:28-40; Yoh 12:12-19)
1Kwathi bakusondela eJerusalem, befikile eBhetefage ngaseNtabeni yemiNquma, uYesu wathuma ababini kubafundi bakhe, 2esithi kubo: “Hambani niye kule dolophana nikhangelene nayo. Nothi ke kwangoko nifumane idonki ibotshelelwe, inenkonyane yayo. Yikhululeni, nizizise kum. 3Ukuba kukho umntu othethayo, yithini kuye: ‘Ziyafuneka eNkosini. Ziza kubuyiswa kwangoku.’ ”
4Oku kwênzeka ukuze kuzaliseke okwathethwayo *ngumshumayeli, esithi:
5“Yithini kwisixeko saseZiyon:
‘Khangela, uKumkani wakho uza kuwe,
elulamile, ekhwele idonki,
ekhwele inkonyane, ithole lento ebotshwayo.’ ”
6Baya ke abo bafundi, benza njengoko uYesu wayebayalele, 7beza nayo idonki nenkonyane yayo, baza babeka izambatho zabo phezu kwayo, uYesu wakhwela. 8Isihlwele esikhulu sabantu sazandlala izambatho zaso endleleni. Abanye baqhuzula amasebe emithini, bawandlala endleleni. 9Izihlwele ezazihamba phambi koYesu nezazimlandela zazidanduluka zisithi: “Camagu! Nyana kaDavide! Makabongwe lo uzayo egameni leNkosi! Sithi: ‘Bayethe!’ kuPhezukonke!”
10Akungena uYesu eJerusalem, isixeko sonke saphithizela, sisithi: “Ngubani na lo?”
11Izihlwele zathi: “Lo *ngumshumayeli uYesu waseNazarete eGalili.”
UYesu uvala urhwebo endlwini kaThixo
(Marko 11:15-19; Luka 19:45-48; Yoh 2:13-22)
12UYesu wangena *endlwini kaThixo, waza wabakhupha abathengayo nabathengisayo, wathi neetafile zabatshintshi bemali nezihlalo zabathengisa ngamahobe wazibhukuqa; 13waza wathi kubo: “*EziBhalweni uThixo uthi: ‘Indlu yam yindlu yokuthandaza.’ Ke nina niyenze umqolomba wezihange. ”
14Beza kuye ke endlwini kaThixo apho abaziimfama nabaziziqhwala, waza wabaphilisa. 15Bona ababingeleli abaziintloko nabachazi-mthetho bahlabeka bakuyibona imimangaliso ayenzayo, bebona nabantwana endlwini kaThixo bekhwaza besithi: “Camagu! Nyana kaDavide!” 16Baza ke bathi kuYesu: “Uyayiva na le nto bayithethayo aba?”
UYesu wathi kubo: “Ewe. Aniyifundanga na eziBhalweni indawo ethi: ‘Wênza ukuba udunyiswe ngabantwana naziintsana.’ ” 17Wabashiya, waphuma esixekweni, waya eBhetani, walala khona.
Umqondiso womkhiwane
(Marko 11:12-14,20-24)
18Ngentsasa elandelayo, xa wayebuyela esixekweni, walamba. 19Wathi ebone umkhiwane ngasendleleni, waya kuwo, kodwa akafumana siqhamo, yaba ngamagqabi kuphela. Wathi kuwo: “Makungaze kubekho siqhamo kuwe naphakade.” Waza woma kwangoko umkhiwane lowo.
20Bekubonile oku, abafundi bakaYesu bamangaliswa, bathi: “Kutheni ukuba usuke wome ngokukhawuleza kangaka lo mkhiwane?”
21Waphendula uYesu wathi kubo: “Ndithi kuni, inene, ukuba niyakholwa, ningathandabuzi, niya kuba nako ukuyenza le nto ndiyenzé kulo mkhiwane, ngaphezu koko nibe nokuthi nakule ntaba: ‘Funquka, uphoseke elwandle,’ ize yenzeke loo nto. 22Konke enikucelayo ngomthandazo nikholwa, nokwamkela.”
Igunya likaYesu
(Marko 11:27-33; Luka 20:1-8)
23UYesu wangena endlwini kaThixo wafundisa. Beza kuye ababingeleli abaziintloko namadoda amakhulu, bathi: “Ezi zinto uzenza ngagunya lini? Ngubani okunike eli gunya?”
24UYesu wabaphendula esithi: “Nam ndiya kunibuza umbuzo ube mnye. Ukuba nithe nandiphendula, ndonixelela ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto. 25Ngaba igunya likaYohane lokubhaptiza laliphuma ezulwini, okanye laliphuma ebantwini?”
Baxoxa ke bodwa, besithi: “Ukuba sithe: ‘Laliphuma ezulwini,’ wothi: ‘Bekungani na phofu ukuba ningàkholwa kuye?’ 26Kodwa ukuba sithe: ‘Laphuma ebantwini,’ soyika isihlwele kuba bonke bathi uYohane *ungumshumayeli.” 27Baphendula bathi kuYesu: “Asazi.”
Waza yena wathi kubo: “Nam ke andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.”
Umzekeliso ngoonyana ababini
28“Kwakukho umntu enoonyana ababini. Wathi kowokuqala: ‘Mntanam, yiya kusebenza esidiliyeni namhlanje.’ 29Wasuka waphendula wathi: ‘Andicingi.’ Kodwa kamva wazohlwaya, waya. 30UYise lowo wathetha kwaloo nto nakomnye unyana, waza yena wathi: ‘Ewe, tata.’ Kodwa àkaya. 31Khanitsho, nguwuphi kwaba bantwana oyenzileyo intando kayise?”
Baza bathi: “Ngowokuqala.”
Ke uYesu wathi kubo: “Ndithi kuni, inene, abaqokeleli-rhafu namahenyukazi baxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo ningekabuva nina. 32Kaloku uYohane weza kuni ekweyona ndlela iyiyo, naza nina ànamamkela. Ke bona abaqokeleli-rhafu namahenyukazi bâmamkela. Naxa nakubonáyo oko, anizange nide nizohlwaye, nimamkele. ”
Umzekeliso ngesidiliya nabaqeshi baso
(Marko 12:1-12; Luka 20:9-19)
33“Nangu omnye umzekeliso. Kwakukho umninimzi owatyala isidiliya, wasibiyela, wemba isixovulelo seediliya, wakha imboniselo, wasiqeshisa kubalimi, wahambela kwelinye ilizwe. 34Lakufika ixesha lokuvuthwa kweziqhamo, wathumela izicaka zakhe kwabo balimi, ukuze amkele esakhe isabelo eziqhameni zesidiliya eso. 35Basuka bona abalimi basibetha esinye isicaka, esinye basibulala, esinye basigibisela ngamatye. 36Wabuya ke wathuma ezinye izicaka, zizininzi kunezokuqala, baza benza kwaloo nto nakuzo. 37Emva koko wathumela unyana wakhe kubo, esithi: ‘Noko bomhlonela yena unyana wam.’ 38Kodwa abalimi, bakumbona unyana, bathethana bodwa, besithi: ‘Yindlalifa le. Yizani siyibulale, ilifa libe lelethu.’ 39Bambamba, bamphosa ngaphandle kwesidiliya, bambulala.
40“Akufika ke umnini-sidiliya, uya kubathini abo balimi?”
41Baza bathi kuye: “Uya kubatshabalalisa kakubi abo bantu bakhohlakeleyo, isidiliya eso asiqeshise kwabanye abalimi, abaya kumnika isabelo sakhe seziqhamo ngexesha lokuvuthwa kwazo.”
42UYesu wathi kubo: “Aniyifundanga na *eziBhalweni le ndawo ithi:
“ ‘Ilitye abalidelayo abakhi
lilo elaba lelona libalulekileyo lesiseko.
Oku kwênzeka kuvela eNkosini;
kungummangaliso emehlweni ethu.’
43“Ke ngoko, ndithi kuni, ukulawulwa nguThixo kuya kuniphosa, kufunyanwe luhlanga oluzivelisayo iziqhamo zolawulo lukaThixo. [ 44Bonke abathe bawa phezu kweli litye botyumka; ke bona elithe labawela bocoleka.]”
45Bakuyiva imizekeliso kaYesu, ababingeleli abaziintloko *nabaFarasi baqonda okokuba uthetha ngabo, 46baza bafuna ukumbamba, kodwa babesoyika isihlwele esasisithi uYesu *ungumshumayeli.

Currently Selected:

UMATEWU 21: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy