YouVersion Logo
Search Icon

UMATEWU 26

26
UYesu uyabhungwa
(Marko 14:1-2; Luka 22:1-2; Yoh 11:45-53)
1Xa uYesu wayewagqibile onke la mazwi, wathi kubafundi bakhe: 2“Niyazi ukuba emva kweentsuku ezimbini iza kuba *yiPasika. Wothi ke *uNyana woLuntu anikelwe ukuba abethelelwe emnqamlezweni.”
3Ngelo xesha ababingeleli abaziintloko namadoda amakhulu abantu babehlanganisene emzini kaKayafa, umbingeleli omkhulu. 4Babebhunga iqhinga lokumbamba uYesu, bambulale. 5Kodwa babesithi: “Oku makungenziwa ngePasika, hleze kubekho isiphithi-phithi.”
Ukuthanjiswa kukaYesu eBhetani
(Marko 14:3-9; Yoh 12:1-8)
6Kwathi uYesu eseBhetani, endlwini kaSimon uZitshangubana, 7kwafika umntu obhinqileyo eneqhaga lelitye lelabhastile, linesiqholo esixabiso likhulu kunene. Kwathi, uYesu esetafileni, le ntokazi yamgalela entloko ngesiqholo eso. 8Bekubona oku, abafundi bakaYesu bakhathazeka, bathi: “Bekutheni ukuze kwenziwe le nkcitho ingaka? 9Esi siqholo ngesithengiswe ngemali eninzi, kwaphiwa amahlwempu.”
10UYesu, ekwazi abakuthethayo, wathi kubo: “Niyikhathazelani na le ntokazi? Indenzele into entle. 11Kaloku amahlwempu nisoloko ninawo; ke mna anisoloko ninam. 12Le ntokazi ithe ngokwenjenje yawuthambisela ukungcwatywa umzimba wam. 13Ndithi kuni, inene, naphi na apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zimnandi kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto iyenzileyo yona, ibe sisikhumbuzo ngayo.”
UJudas uceba ukungcatsha uYesu
(Marko 14:10-11; Luka 22:3-6)
14Ngelo xesha uJudas Sikariyoti, omnye wabafundi abalishumi elinambini, waya kubabingeleli abaziintloko, 15wathi: “Nondinika ntoni na ukuba ndithe uYesu ndamnikela kuni?” Ke bamnika amaqhosha amashumi mathathu emali yesiliva. 16Ukususela ngoko uJudas wazungula ukufumana ithuba lokumbambisa uYesu.
UYesu nabafundi bakhe batya iPasika
(Marko 14:12-21; Luka 22:7-14,21-23; Yoh 13:21-30)
17Ke kaloku ngowokuqala umhla *wetheko lezonka ezingenagwele, abafundi bakaYesu beza kuye, bathi: “Ufuna ukuba siye kuyilungiselela phi na *iPasika?”
18Waza wathi: “Hambani niye esixekweni kumntu othile, nithi kuye: ‘UMfundisi uthi: Ixesha lam lisondele. Mna nabafundi bam siya kuyityela kwakho iPasika.’ ”
19Benza ke abafundi njengoko uYesu wayebayalele ngako, bayilungiselela iPasika.
20Kwakuhlwa ke, uYesu waya kuhlala etafileni, enabafundi bakhe abalishumi elinambini. 21Xa babesitya, uYesu wathi: “Ndithi kuni, inene, omnye kuni uya kundingcatsha.”
22Baza ke baba buhlungu, besithi kuye ngabanye: “Ngaba iya kuba ndim na, Nkosi?”
23Wabaphendula wathi: “Lowo usithi nkxu esityeni isonka kunye nam, nguye oya kundingcatsha. 24Okunene yena *uNyana woLuntu uyemka, njengoko zitshoyo ngaye *iziBhalo; kodwa hayi loo mntu angcatshwa nguye uNyana woLuntu! Ngekumlungele loo mntu ukuba ebengazalwanga.”
25Waphendula uJudas, lowo wayeza kumngcatsha, wathi: “Ngaba iya kuba ndim na, Mfundisi?”
UYesu wathi: “Nawe utsho.”
Ukusungulwa komthendeleko
(Marko 14:22-26; Luka 22:15-20; 1 Kor 11:23-25)
26Xa babesitya uYesu wathatha isonka, wabulela, wasiqhekeza, wabanika abafundi bakhe, wathi: “Thathani nitye; ngumzimba wam lo.”
27Wathatha nendebe, wabulela, wabanika, wathi: “Selani kuyo nonke; 28kuba ligazi lam eli elisisiqinisekiso somnqophiso, eliphalazelwa abaninzi, ukuze baxolelwe izono. 29Ndithi kuni, andiyi kuphinda ndisele kwincindi yeediliya, kude kube yiloo mini ndiyisela kunye nani iyentsha kwikomkhulu likaBawo. ”
30Bakuba becule indumiso, baphuma baya eNtabeni yemiNquma.
UYesu ulumkisa uPetros
(Marko 14:27-31; Luka 22:31-34; Yoh 13:36-38)
31Ngelo xesha uYesu wathi kubo: “Ngobu busuku nonke niya kukhubeka ngenxa yam, kuba *iziBhalo zithi: ‘Ndiya kubulala umalusi, zichithakale iigusha.’ 32Xa ke ndithe ndavuswa ekufeni, ndiya kunandulela, ndiye kwelaseGalili.”
33Waphendula uPetros, wathi kuye: “Nokuba baya kukhubeka bonke, mna andingekhe!”
34UYesu ke wathi kuye: “Ndithi kuwe, inene, kwangobu busuku, ingekakhali inkuku, uya kundikhanyela kathathu.”
35UPetros wathi kuye: “Nokuba ndingade ndibe ndiza kufa kunye nawe, andingekhe ndikukhanyele!” Batsho bonke ke abafundi.
UYesu uthandaza eGetsemane
(Marko 14:32-42; Luka 22:39-46)
36Ke uYesu nabafundi bakhe bafika kwisitiya ekuthiwa yiGetsemane, wathi kubo: “Hlalani apha, ndikhe ndiye kuthandaza phaya.” 37Wahamba noPetros noonyana ababini bakaZebhedi, waza waba buhlungu, wadandatheka, 38wathi kubo: “Intliziyo yam ibuhlungu ukufa, iligazi. Hlalani apha nilinde kunye nam.”
39Esukile kubo wathi qelele, wawa emhlabeni, wathandaza esithi: “Bawo, ukuba kunokwenzeka, yidlulise kum le ntlungu. Noko ke, makungabi kokuthandwa ndim, makube kukuthanda kwakho.”
40Wafika ke, wabafumana abo bafundi belele, wathi kuPetros: “Ubungenakulinda na nokweli thutyana? 41Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni. Intliziyo yona okunene inentumekelelo, ke wona umzimba ubuthathaka.”
42Wabuya wemka, waya kuthandaza, esithi: “Bawo, ukuba le ntlungu ayinako ukudlula kum ndingathanga ndayiva, makwenzeke ukuthanda kwakho.” 43Kwathi, akubuya kwakhona, wabafumana abo bafundi belele, kuba babesoyiswa bubuthongo.
44Wabashiya kwakhona uYesu, waya kuthandaza okwesithathu kwangaloo mazwi. 45Wabuya waya kwabo bafundi, wathi kubo: “Nisalele? Nisaphumle na? Niyabona, lifikile ixesha! *UNyana woLuntu unikelwa ezandleni zaboni. 46Vukani sihambe. Nanko; ufikile lowo undinikelayo.”
Ukubanjwa kukaYesu
(Marko 14:43-50; Luka 22:47-53; Yoh 18:3-12)
47Kwathi, uYesu esathetha, wathi gqi uJudas ongomnye wabafundi abalishumi elinambini, ehamba nendimbane inamakrele neentonga, iphuma kubabingeleli abaziintloko nakumadoda amakhulu. 48Ke kaloku umngcatshi lowo wayevumelene nabo ngomqondiso, esithi: “Lowo ndithe ndamanga, nguye. Mbambeni.”
49UJudas ke waya kuYesu kwangoko, wathi: “Aa, Mfundisi!” Wamanga.
50Waza uYesu wathi kuye: “Mfondini, uzokwenza ntoni apha?”
Basondela ke, bambamba uYesu. 51Wasuka omnye wâbo babenoYesu warhola ikrele, waxabela isicaka sombingeleli omkhulu, wasinqumla indlebe. 52Waza uYesu wathi kuye: “Libuyisele endaweni yalo ikrele lakho. Bonke abasebenzisa ikrele, baya kutshabalala ngekrele. 53Ngaba ùba andinako ukumcela uBawo, aze kwangoku andikhuphele amawaka-waka ezithunywa zezulu eziyimikhosi engaphezu kweshumi elinambini? 54Bezinokuthini ke ngoko *iziBhalo ukungazaliseki, zona zithi kumele ukuba kube nje?”
55UYesu ke ngelo xesha wathi kwindimbane: “Niphumele ukuza kubamba mna na, ninamakrele neentonga nje, ngokungathi niphumele isihange? Bendinani ndifundisa imihla ngemihla *endlwini kaThixo, naza anandibamba. 56Kodwa kunje ukuze kuzaliseke okwabhalwayo *ngabashumayeli bamandulo.”
Emva koko ke babaleka bonke abafundi bakhe, bamshiya.
UYesu phambi kweBhunga
(Marko 14:53-65; Luka 22:54-55,63-71; Yoh 18:13-14,19-24)
57Abo babembambile uYesu, bamsa kuKayafa, umbingeleli omkhulu, apho babehlanganisene khona abachazi-mthetho namadoda amakhulu. 58Ke yena uPetros wamlandela uYesu, ebekele kude, wada waya kungena eyadini yomzi wombingeleli omkhulu, wahlala phantsi ndawonye nezicaka, ukuze abone ukuba kuya kuphelela phi na. 59Ke ababingeleli abaziintloko nalo lonke *iBhunga babefuna ubungqina bobuxoki ngoYesu, ukuze bambulalise, 60kodwa ababufumananga, nangona babebaninzi ababengqina ubuxoki ngaye. Ekugqibeleni kwavela ababini, 61bathi: “Lo mntu uthe: ‘Mna ndingayichitha indlu kaThixo, ndibuye ndiyakhe ngeentsuku ezintathu.’ ”
62Waphakama ke umbingeleli omkhulu, wathi kuYesu: “Akuphenduli nento le na? Yintoni kanye le aba bayingqinayo ngawe?” 63Kodwa uYesu wahlala wathi tu. Waphinda umbingeleli omkhulu wathi kuye: “Ndikufungisa uThixo ophilayo okokuba usixelele ukuba unguye na *uKrestu, uNyana kaThixo.”
64Wamphendula uYesu wathi: “Nawe utsho. Ke ndithi kuni, ukususela ngoku niya kumbona uNyana woLuntu ehleli ewongeni kwaSomandla, nimbone esiza ngamafu ezulu. ”
65Wazikrazula ke izambatho zakhe umbingeleli omkhulu, esithi: “Únyelise uThixo! Sisawafunelani na amangqina? Niyabona, nikuvile ngoku ukunyelisa kwakhe. 66Nithini nina?”
Baphendula bathi: “Úfanele ukufa.”
67Bamtshicela ebusweni ke, bemxhimfa, baza abanye bembetha, 68bathi: “Sixelele, Krestu; ngubani lo ukubethileyo?”
UPetros ukhanyela uYesu
(Marko 14:66-72; Luka 22:56-62; Yoh 18:15-18,25-27)
69UPetros ke wayehleli ngaphandle eyadini. Seza kuye esinye sezicakazana, sathi: “Nawe ubunaye uYesu waseGalili.”
70Kodwa yena wakhanyela phambi kwabo bonke, esithi: “Andazani konke nale nto uyithethayo.”
71Waphuma ke, esiya ngasesangweni, wabonwa sesinye isicakazana, esathi kwababelapho: “Naye lo wayenaye uYesu waseNazarete.”
72Waphinda ke wakhanyela uPetros, wathi: “Inene, andimazi loo mntu.”
73Kwakuba mzuzwana, abo babemi apho baya kuPetros, bathi: “Inene, ungomnye wabo. Nokuthetha oku kwakho kuyakudiza.”
74Wasuka waziqalekisa efunga esithi: “Andimazi loo mntu!”
Kwathi ke kwangoko yakhala inkuku. 75Walikhumbula ke uPetros ilizwi awayelithethe kuye uYesu, esithi: “Ingekakhali inkuku, woba undikhanyele kathathu.” Waphuma waya phandle, walila kabuhlungu.

Currently Selected:

UMATEWU 26: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy