YouVersion Logo
Search Icon

UMATEWU 3

3
UYohane umbhaptizi
(Marko 1:1-8; Luka 3:1-18; Yoh 1:19-28)
1Ke kaloku ngaloo mihla kwafika uYohane umbhaptizi eshumayela entlango yelakwaJuda, 2esithi: “Guqukani, kuba ulawulo lukaThixo lusemnyango!” 3Ngulo ke wayexela yena *umshumayeli uIsaya xa wayesithi:
“Kuvakala ilizwi lodandulukayo entlango, lisithi:
‘Yilungiseleleni indlela iNkosi,
niyihlahlele umgaqo wayo.’ ”
4UYohane lo wayesambatha ingubo yoboya benkamela, abhinqe ngethwathwa. Ukutya kwakhe kwakuziinkumbi nobusi. 5Babephuma besiya kuye abantu baseJerusalem, nabakulo lonke elakwaJuda, nabommandla wonke waseJordan. 6Babezixela izono zabo, aze ababhaptize emlanjeni iJordan.
7Ke kaloku, akubona into eninzi *yabaFarasi *nabaSadusi besiza ekubhaptizeni kwakhe, uYohane wathi kubo: “Nzalandini yamarhamba, ngubani na onilumkisileyo ukuba niyibaleke ingqumbo ezayo? 8Ke ngoko velisani iziqhamo ezifanele inguquko. 9Ze ningafane nithi: ‘Siyinzala ka-Abraham.’ Ndiyanixelela mna, uThixo unako kuwo la matye ukumvelisela abantwana uAbraham. 10Kanti ke izembe selikulungele ukuyinqumla ezingcanjini imithi. Ngoko ke wonke umthi ongavelisi siqhamo sihle uyagawulwa utshiswe. 11Mna okunene ndinibhaptiza ngamanzi, ndibonisa ukuguquka kwenu; kodwa lowo uzayo emva kwam unamandla kunam. Andikufanelanga nokukhulula izihlangu ezi zakhe. Yena uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele nangomlilo. 12Ingobozi isesandleni sakhe. Uya kukwela kuthi tu okusesandêni, ayigalele kuvimba ingqolowa. Ke wona umququ uya kuwutshisa ngomlilo ongacimiyo.”
Ukubhaptizwa kukaYesu
(Marko 1:9-11; Luka 3:21-22)
13Wafika eJordan uYesu, evela eGalili, eze kubhaptizwa nguYohane. 14UYohane ke wayengavumi, esithi: “Indim nje ofanele ukubhaptizwa nguwe, nguwe na oza kum?”
15Waphendula uYesu wathi kuye: “Vuma okwangoku, kuba kusifanele thina ukwenjenjalo, ukuze senze konke okufunwa nguThixo.” Wavuma ke uYohane.
16Ebhaptiziwe uYesu, waphuma kwangoko emanzini. Lasuka izulu lavuleka, wabona uMoya kaThixo enjengehobe esihla esiza kuye. 17Kwavakala izwi, livela ezulwini, lisithi: “Lo nguNyana wam endimthandayo; ndikholisiwe nguye.”

Currently Selected:

UMATEWU 3: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy