YouVersion Logo
Search Icon

UMATEWU 4

4
Ukuhendwa kukaYesu
(Marko 1:12-13; Luka 4:1-13)
1Waza uYesu wakhokelelwa entlango nguMoya, ukuba ahendwe ngumtyholi. 2Uthe ke, ezile ukutya iintsuku ezimashumi mane, walamba ekupheleni kwazo. 3Wafika umhendi, wathi kuye: “Ukuba unguye uNyana kaThixo, yitsho la matye abe zizonka.”
4Waphendula yena wathi: “*IziBhalo zithi: ‘Umntu akaphili ngasonka sodwa; uphila ngamazwi onke athethwa nguThixo.’ ”
5Umtyholi ke wasa uYesu kwisiXeko esiNgcwele, wammisa phezu *kwendlu kaThixo, 6wathi kuye: “Ukuba unguye uNyana kaThixo, ziphose ezantsi phaya; kuba iziBhalo zithi:
“ ‘UThixo uya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe;
ziya kukufunqula, hleze ukhubeke elityeni.’ ”
7UYesu wathi kuye: “IziBhalo zikwathi: ‘Uze ungayilingi iNkosi uThixo wakho.’ ”
8Kwakhona umtyholi wasa uYesu entabeni ephakame kakhulu, wambonisa onke amazwe ezikumkani zehlabathi, nobuhle bazo, 9wathi kuye: “Zonke ezi zinto ndokunika, ukuba uthe wazithoba wandinqula.”
10Waza wathi kuye uYesu: “Hamb' umke, Sathana; kuba iziBhalo zithi: ‘Uze unqule iNkosi uThixo wakho, ukhonze yona yodwa.’ ”
11Waza umtyholi wamyeka uYesu, zafika izithunywa zezulu zamlungiselela.
UYesu uyaqala ukufundisa
(Marko 1:14-15; Luka 4:14-15)
12Ke uYesu akuva ukuba uYohane ubanjiwe, wahamba waya kwelaseGalili. 13Wemka ke eNazarete, wafudukela eKapernahum ngaselwandle, emideni yakwaZebhulon neyakwaNafetali. 14Kwazaliseka ke ngoko okwathethwayo *ngumshumayeli uIsaya esithi:
15“Wena sithili sakwaZebhulon, nawe sithili sakwaNafetali,
nina eningakwindlela yaselwandle, phesheya kweJordan,
nina baseGalili yeentlanga,
16bantu ababehleli ebumnyameni,
niboné ukukhanya okukhulu;
nina enanihleli ezweni nasethunzini lokufa,
nivelelwe kukukhanya.”
17Ukususela ngoko uYesu washumayela esithi: “Guqukani, kuba ulawulo lukaThixo lusemnyango.”
Ukubizwa kwabafundi bokuqala
(Marko 1:16-20; Luka 5:1-11)
18Kuthe uYesu ehamba ngakuLwandle lwaseGalili wabona abantu ababini, uSimon, lo kuthiwa nguPetros, noAndreya, umninawe wakhe, bephosa umnatha elwandle, kuba babengabalobi. 19Wathi kubo: “Ndilandeleni; ndonenza abalobi babantu.” 20Bayishiya kwangoko ke iminatha yabo, bamlandela.
21Uthe ke, ehambele phambili esuka apho, wabona omnye umntu nomntakwabo, uYakobi unyana kaZebhedi, noYohane umninawe wakhe, besesikhitshaneni noZebhedi uyise, belungisa iminatha yabo; wababiza ke. 22Basishiya kwangoko isikhitshana noyise, balandela uYesu.
UYesu uyafundisa aphilise
(Luka 6:17-19)
23UYesu wayelityhutyha lonke elaseGalili, efundisa *ezindlwini zesikhungo, evakalisa iindaba ezimnandi zolawulo lukaThixo, ephilisa abantu kwizifo zonke nemikhuhlane yonke. 24Lwaphuma udumo lwakhe, lwavakala kulo lonke elaseSiriya, babazisa kuye bonke abagulayo, benezifo neentuthumbo, nabaphethwe ziindimoni, nabanesithuthwane, nabafe umzimba, waza wabaphilisa. 25Ke izihlwele zabantu zazimlandela uYesu, zivela eGalili, nakwiiDolophu eziliShumi, naseJerusalem, nakwelakwaJuda, naphesheya kweJordan.

Currently Selected:

UMATEWU 4: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy