YouVersion Logo
Search Icon

UMATEWU 6

6
Malunga namalizo
1“Lumkani, okulungileyo enikwenzayo ningakwenzi phambi kwabantu ngenjongo yokuba banibone. Nákwenjenjalo aninamvuzo kuYihlo osezulwini. 2Ke ngoko, xa sukuba usipha ihlwempu, uze ungemi phezu kwendlu umemeze, njengokuba besenjenjalo abahanahanisi *ezindlwini zesikhungo nasezitalatweni, ukuze banconywe ngabantu. Inene, sebewufumene umvuzo wabo. 3Ke wena, xa sukuba usipha ihlwempu, masingakwazi isandla sakho sasekhohlo okwenziwa sisandla sakho sasekunene, 4ukuze ke izinwe zakho zingabonwa ngabantu, ze ke uYihlo obona okwenzeka emfihlekweni akuvuze yena ekuhleni.”
Malunga nokuthandaza
(Luka 11:2-4)
5“Xa uthandazayo, uze ungabi njengabahanahanisi, bona bathand' ukuthandaza bemi *ezindlwini zesikhungo nasezikoneni zezitalato, ngenjongo yokuba babonwe ngabantu. Inene, sebewufumene umvuzo wabo. 6Ke wena, xa uthandazayo, ngena egumbini lakho, uluvale ucango, uthandaze kuYihlo ongabonwayo. Ke uYihlo, yena obona okwenzeka emfihlekweni, wokuvuza.
7“Ngoko ke, xa nithandazayo, ze ningenzi milembelele ingento, njengabangakholwayo, bona baba boviwa ngenxa yamazwi abo amaninzi. 8Ze ningafani nabo, kuba uYihlo uyakwazi enikusweleyo ningekaceli. 9Thandazani ke ngoko nina nithi:
“ ‘Bawo wethu osezulwini:
Malaziwe lihlonelwe igama lakho,
10malongame ulawulo lwakho,
makwenziwe ukuthanda kwakho, emhlabeni njengasezulwini.
11Sibonelele kwiintswelo zethu zemihla ngemihla;
12usixolele amatyala ethu,
njengokuba nathi sibaxolela abasonayo;
13ungasiyekeli ekulingweni,
koko sihlangule kumtyholi;
[kuba ngenene nguwe olawulayo,
namandla ngawakho, nodumo, kude kube ngunaphakade! Amen.]’
14“Kaloku xa nibaxolela abantu izigqitho zabo, uYihlo osezulwini wonixolela nani. 15Xa ningabaxoleli abantu izigqitho zabo, noYihlo akayi kunixolela iziphoso zenu.”
Malunga nokuzila ukutya
16“Xa nizila ukutya, ze ningabi njengabo bazenzisayo, abazifanisa nabahluphekileyo. Kaloku babenza bubi ubuso babo, ukuze babonwe ngabantu ukuba bazilile. Inene, sebewufumene umvuzo wabo. 17Ke wena, xa uzilayo, uzungayeki ukuthambisa intloko yakho nokuhlamba ubuso bakho. 18Kothi ke ukuzila kwakho kungabonakali ebantwini, koko kubonakale kuYihlo ongabonwayo, aze yena uYihlo obona okwenzeka emfihlekweni akuvuze.”
Ubutyebi ezulwini
(Luka 12:33-34)
19“Ze ningaziqwebeli ubutyebi emhlabeni, apho konakalisa inundu nomhlwa, nalapho amasela aqhekezayo ebe. 20Koko ziqwebeleni ubutyebi ezulwini, apho kungonakalisi nundu namhlwa, nalapho amasela angaqhekeziyo ebe. 21Kaloku apho bukhoyo ubutyebi benu, yoba lapho nentliziyo yenu.”
Isibane somzimba
(Luka 11:34-36)
22“Isibane somzimba liliso. Xa iliso lakho lilungile, umzimba wakho uphela uya kukhanyiseleka. 23Kodwa ukuba iliso lakho alilunganga, umzimba wakho uphela woba sebumnyameni. Ke, ukuba ukukhanya okukuwe kububumnyama, koba mnyama kangakanani!”
Musani ukuxhala
(Luka 16:13; 12:22-31)
24“Akukho mntu unokukhonza iinkosi ezimbini, kuba uya kuyithiya le, ayithande leya, okanye abambelele kule, ayidele leya. Aninako ukukhonza uThixo kwanobutyebi.
25“Kungoko ndithi kuni, musani ukubuxhalela ubomi benu nisithi notya ntoni, nisele ntoni. Kwanomzimba wenu ze ningawuxhaleli, nisithi niya kunxiba ntoni. Ubomi abungaphezulu na kokutyiwayo; wona umzimba awungaphezulu na kokunxitywayo? 26Khaniqwalasele iintaka. Azihlwayeli, azivuni, azigcini siseleni, kanti uYihlo osezulwini uyazondla. Ke, kungakanani na ukuxabiseka kwenu kunazo! 27Nguwuphi na kuni onokuthi ngokuxhala abongeze nangemini enye le ubomi bakhe?
28“Kananjalo yini na ukuba nixhalele into yokunxiba? Khaniqwalasele ukukhula kweenyibiba zasendle; azisebenzi, azithungi nokuthunga; 29kanti ngenene, noSolomon kubo bonke ubunewu-newu bakhe, wayengavathiswanga nanjenganye yazo. 30Ukuba ke uThixo wenjenje ukuyambesa ingca yasendle, ethi namhlanje ibekho, ze ngomso iphoswe eziko, akayi kugqithisa na ukunambathisa nina, bantundini balukholo luncinane?
31“Musani ke ukuxhala, nisithi: ‘Sodla ntoni na; sosela ntoni na; sonxiba ntoni na?’ 32Zezi zinto kanye abahlala besukelana nazo abangakholwayo beentlanga. Ke yena uYihlo osezulwini uyazi ukuba ezo zinto zonke ziyimfuneko kuni. 33Ke ngoko kuqala zondelelani ukulawulwa nguThixo, nenze ubulungisa obufunwa nguye, waye ke yena eya kunongezelela zonke ezi zinto. 34Ngenxa yoko musani ukulixhalela ingomso. Ingomso liya kuxhalela okwalo. Ziyanele imini nganye iingxaki zayo.”

Currently Selected:

UMATEWU 6: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy