YouVersion Logo
Search Icon

IZAFOBE 1

1
Ukubaluleka kwezafobe
1Ezi zizafobe zikaSolomon unyana kaDavide ukumkani wakwaSirayeli.
2Ezi zafobe ziluncedo:
umntu ziyamqeqesha, zimnike ubulumko,
abe nokuziqonda neentetho ukuba ngaba zezengqondo na.
3Ewe, zimenza aqeqesheke, akwazi ukuziphatha,
abe ngumntu owenza okulungileyo, nothe ngqo engenagobe.
4Ongekabi namava zimenza abe krele-krele,
nomfana atsho akwazi ukwenza izigqibo ngobulumko.
5Isilumko siyeva, sivune ulwazi;
kanti nengcaphephe itsho ifumane amacebo aphilileyo,
6khon' ukuze ikwazi ukuqonda izaci nezafobe,
nditsho amazwi ezilumko nokuntsonkotha kwawo.
Isiseko sobulumko
7Isiseko sobulumko kukuthobela *uNdikhoyo,
kambe ke zona izityhakala zibujongele phantsi ubulumko nengqeqesho.
Icebiso kubafana
8Mfo wam, yithobele ingqeqesho kayihlo,
ungazityesheli neziluleko zikanyoko.
9Zona ziya kuyiphuhlisa ihambo yakho,
oku kwentsimbi ehombisa intloko,
nditsho oku kwamaso anika intamo umfaneleko.
10Nyana wam, sukuvuma
xa uwexulwa ngoongantweni.
11Mhlawumbi bangathi: “Yiza silalele umntu ongenatyala,
ukuze simhlasele simbulale engacingele nto.”
12Basenokuthi: “Yiza, siza kumcim' igama njengosengcwabeni,
abe ngathi uginywe lelabafileyo,
13size ke thina sizithathele konke okunexabiso,
izindlu zethu zitsho zizale ngamaxhoba.
14Hayi, mfondini, yiza, uzibandakanye nathi;
yoba nye ingxowa yethu sonke.”
15Nyana wam, zikhwebule kwiindlela zabo,
ulubuyise nonyawo lwakho kuzo.
16Kaloku iinyawo zabo aziva ntambo ukuleqeka esonweni;
bayakhawuleza ukuphalaza igazi.
17Nakuba kungancedi nto nje ukuthiyela intaka
xa isibona isabatha eso,
18kodwa bona balalela elabo igazi;
ewe, bazonda owabo umphefumlo.
19Sinjalo ke isiphelo sazo zonke izikrelemnqa:
ophila ngobugebenga ufa kwangobugebenga.
Musa ukubudela ubulumko
20Ke bona ubulumko bumemeza nasezitalatweni;
kanti ke bude bukhwaze nasezindaweni zembutho.
21Izwi labo aligqunyelelwa nayingxolo yasezitalatweni;
ewe, buvakala nasemasangweni ezixeko:
22“Ziyathandini, koda kube nini nithe nca ebudengeni?
Yaz'ba koda kube nini na abagculeli bekuvuyela ukuphoxisa?
Koda kube nini izityhakala ziluthiyile ulwazi?
23Kambe ke xa beninokukugqala ukukhalima kwam,
bendinganiphokozela umoya wobulumko,
ndabelane nani ngolwazi lwam.
24Kaloku ndibe ngabiza, anisabeli;
ndibe nganolulela isandla sam, akukho bani usamkelayo!
25Ewe, anilikhathalele icebiso lam;
anivumi kusamkela nesilumkiso sam.
26Ke mna ndiya kuhlekisa ngani nakungena enkathazweni;
ndiya kuphoxisa ngani ngomhla wonxunguphalo.
27Ewe, nditsho naxa senirhwaqele lunxunguphalo,
lunihlasela njengesaqhwithi;
seningathi nirhiwulwa sisivunguvane,
imbandezelo neenzingo zinifikele.
28“Ngenene, niya kuzibika kum, kodwa ke mna ndingasabeli.
Niya kuba ngabhadula nindifuna, ningandizuzi.
29Kaloku nisuke naluthiya ulwazi,
anakukhathalela ukuthobela *uNdikhoyo.
30Ewe, anilamkelanga icebiso lam,
anivumanga naxa ndinilumkisa.
31Ngoko ke niya kuvuna loo nto niyilimileyo;
amacebo enu lawo niya kuwatya nide niwatyekeze.
32Kaloku iziyatha zifa kuba zibumangala ubulumko;
zona izityhakala zizibhubhisa ngokungakhathaleli nto.
33Kambe ke bona abandiphulaphulayo bahlala bekhuselekile;
ewe, bathi zava, bengaxhalele kwenzakaliswa nto.”

Currently Selected:

IZAFOBE 1: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy