YouVersion Logo
Search Icon

IZAFOBE 20

20
1Iwayini ngumgxeki; utywala yingxolo;
umntu ohexiswa bubo akanabo ubulumko.
2Ukumkani xa enomsindo nqwa nengonyama enengcwangu egragramayo;
umntu omcaphukisayo ubeka ubomi bakhe emngciphekweni.
3Umntu onesidima uyasicezela isiphithi-phithi;
kanti ke sona isiyatha siyathanda ukuphemba uqhushululu.
4Ivila alilimi ngexesha lokulima;
ngoko ke ngexesha lokuvuna liyafuna lingazuzi nto.
5Iingcinga zomntu zifana nequla elinzulu;
ke yena umntu oqiqayo ukha ulutho kuzo.
6Baninzi abantu abazincoma ukunyaniseka;
kodwa ke ungamzuza phi umntu othembekileyo?
7Umntu olilunga uphila ubomi obungenabala;
bayathamsanqeleka abantwana bakhe abamlandelayo.
8Ukumkani ohleli kwisihlalo sokugweba
uhluza ububi bonke ngamehlo akhe.
9Ngubani ongatshoyo athi:
“Intliziyo yam ihlambulukile;
ndinyulu, ndaye ndingenasono”?
10Amatye okuveyisha anobuqhetseba nezilinganiso ezinegobe,
zombini ezo zinto uyazicekisa uNdikhoyo.
11Nditsho kwaumntwana waziwa ngokuziphatha kwakhe –
zizinto azenzayo ezixela ukusulungeka nokuthi ngqo kwesimilo sakhe.
12Indlebe evayo neliso elibonayo,
zombini ezo zinto zenziwe nguNdikhoyo.
13Sukuzinikela ebuthongweni hleze ube lihlwempu!
Umntu ophaphamileyo akasweli kutya.
14“Hayi bo, ayilunganga kwaphela,” utsho othengayo,
kodwa asuke emke alilisele ngesisulu asifumeneyo!
15Ikho igolide, ngokunjalo namatye amaninzi axabisekileyo;
kanti ke eyona nto ixabisekileyo kukuthetha ulwazi.
16Zithathe iimpahla zomntu omele ityala londwendwe;
ewe, bambisa ngazo, kuba umele umntu wasemzini.
17Ukutya okufunyenwe ngobuqhetseba kuhla kamnandi,
kanti ke kamva kusuka kulumeze okomlomo ozele yintlabathi.
18Xa ufuna ukuphumelela qokelela amacebo;
ewe, cwangcisa uqokelele amacebo phambi kokuba uqhwaye imfazwe.
19Umntu onolwimi uyawadiza amahlebo,
ngoko ke sukudlelana nabantu abathetha gqitha.
20Umntu othuka uyise nonina
ubomi bakhe busuka buthi pam njengesibane esicime kwisithoko-thoko sobumnyama.
21Ilifa lisenokuzuzwa buphuthu-phuthu ekuqaleni,
kodwa ekugqibeleni alingekhe likuzisele amathamsanqa.
22Musa ukuthi: “Ndiya kuziphindezela ngenxa yobu bugwenxa.”
Yekela kuNdikhoyo ibe nguye okuhlangulayo.
23UNdikhoyo uyawacekisa amatye okulinganisa abunzima bungafaniyo;
isikali sobuqhetseba asilunganga.
24Umntu akanako ukuyiqonda indlela ayihambayo,
kuba amabakala obomi bakhe axhomekeke kuNdikhoyo.
25Kufana nomgibe emntwini xa enikezele ngento kuNdikhoyo buphuthu-phuthu,
aze kamva acinge ngenye indlela ngezibhambathiso zakhe.
26Ukumkani olumkileyo uyabahluza abantu abakhohlakeleyo,
abanyhashe oku kwevili lokubhula.
27Isazela somntu sisibane sikaNdikhoyo;
ngaso uphicotha konke okufihlakeleyo ngaphakathi emntwini.
28Ukumkani ukhuselwa kukunyaniseka nenceba;
isihlalo sakhe sobukhosi sixhaswa bububele.
29Isihomo samadoda amatsha ngamandla awo;
kanti ke sona isithozela samadod' amakhulu zizimvi.
30Imivumbo neenduma zahlukanisa umntu nobubi;
ukubethwa kuhlambulula ububi obungaphakathi emntwini.

Currently Selected:

IZAFOBE 20: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy