YouVersion Logo
Search Icon

IINDUMISO 139

139
Ulwazi nenkathalo kaThixo ifezekile
Kumbhexeshi-kwayara; umhobe kaDavide.
1Ewe, *Ndikhoyo, undigoca-gocile, uyandazi.
2Wena undazi ukusuka nokuhlala;
iingcamango zam uziqonda zingekaveli.
3Mna andinako ukukunqabela nganto –
nditsho ndihamba okanye ndilele,
wena uyaziqonda iindlela zam zonke.
4Kaloku wena wazi ndingekathethi;
ewe, Ndikhoyo, wazi nento endiza kuyithetha.
5Kaloku wena undiphahle macal' onke;
isandla sakho sindifumbathile.
6Ndlela le undazi ngayo indongamele;
ewe, ndiyalabalaba, isemajukujukwini kum.
7Ndingamzimela ndithini uMoya wakho?
Ndingasabela phi apho ungekhoyo khona?
8Ukuba ndingenyukela emazulwini, ndingafika ukho;
nokuba ndingalala kwelabafileyo, ukho nalapho.
9Ndingafanelana ndihamba nokusa,
ndiye kutsho eziphelweni zolwandle,
10nalapho ndingakhokelwa sisandla sakho;
ewe, ndohlala ndisemandleni akho.
11Noba ndingathi mandisongelwe bubumnyama,
nokukhanya kujike kube bubusuku,
12kwabumnyama obo abumnyamanga kuwe.
Kaloku nobusuku bukhanya njengemini kuwe,
kuba nobumnyama buyakhanya kuwe.
13Andithi na kaloku ndadalwa nguwe;
nditsho mna kanye lo!
Ewe, wandixonxa wandilunga-lungisa kwandisekumama.
14Ndikubonga ndikubulela ngenxa yomntu endinguye,
ngenxa yokumangalisa nokukhwankqisa kwento endiyiyo.
Ewe, iyakhamnqisa kambe imisebenzi yakho.
Leyo ke into ndiyiqonde pheleleyo.
15Uphahla lomzimba wam alungomnqa kuwe;
okuya ndandibunjwa ekusitheleni wawukho.
Ewe, ndabunjwa ngokunqabileyo emajukujukwini.
16Kaloku wena wandibona ndingekenziwa;
imihla owandimisela yona yabhalwa encwadini yakho,
ndingekayiqali nokuyiqala mna.
17Hayi bo, zintsonkothile kambe
iingcamango zakho, Thixo wam!
Yaz'ba zingakanani na ubuninzi!
18Xa bendinokuzibala, zingaphaya kwentlabathi;
noba bendingazigqibayo, andikabi phi.
Ndoba ngalala ndivuke, usengulowa.
19Akwaba ubungabatshabalalisa abakhohlakeleyo, Thixo;
izijama-nkungwini mazisuke kum,
20abantu abakwenyelisayo bengakukhathalele,
abakuvukelayo beqhutywa yinkohlakalo.
21Ewe, ndibathiyile abakuthiyileyo, Ndikhoyo;
kum banezothe abakuchasayo.
22Ngenene ndibathiyile mpela;
ndibathatha njengeentshaba zam.
23Ndibhenela kuwe, Thixo wam:
khawundigoca-goce, undiphicothe, undiqondisise;
ndivavanye uziqonde iingcamango zam!
24Ndiqwalasele, hleze ndithi kanti ndiphambukile;
undikhokelele kwindlela eyeyona-yona.

Currently Selected:

IINDUMISO 139: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy