YouVersion Logo
Search Icon

IINDUMISO 145

145
Ingoma yokudumisa
Elokudumisa; umhobe kaDavide.
1Ndiya kukuncoma, Thixo ongukumkani wam;
igama lakho ndolibonga nanini nanini.
2Ndiya kukubulela mihla le;
igama lakho ndolidumisa kude kuse ephakadeni.
3Ngenene *uNdikhoyo yingangalala, ufanele ukudunyiswa;
obakhe ubukhulu abuphengululeki.
4Isizukulwana siya kubalisela esilandelayo ngemisebenzi yakho;
siya kuzibhengeza izigigaba zakho kwisizukulwana esilandelayo.
5Ndiya kucamngca ngemisebenzi yakho emangalisayo,
nesidima sobuqaqawuli bobungangamsha bakho.
6Abantu baya kububhengeza ubukhulu bezenzo zakho ezikhwankqisayo,
ndaye ndiya kububabaza ubukhulu bakho.
7Baya kuluxela udumo lokulunga kwakho;
ewe, baya kutsholoza bencoma ubulungisa bakho.
8UNdikhoyo unesisa, yaye enovelwano.
Yena unomonde; uyimvuze-mvuze bububele.
9UNdikhoyo uyabalungiselela bonke abantu;
unemfobe ngazo zonke izinto azenzileyo.
10Zonke izinto ozenzileyo ziya kudomboza zibulele, Ndikhoyo;
imilowo yakwakho iya kukudumisa.
11Baya kuyibhengeza indili nesidima solawulo lwakho;
amandla akho aya kuba ngundaba-mlonyeni,
12ukuze uluntu luzazi izigigaba ozenzileyo
kwanesidima nobuqaqawuli bolawulo lwakho.
13Ulawulo lwakho alunamida yasiphelo;
ubukhosi bakho bozityhutyha zonke izizukulwana.
Ilizwi alithethileyo uNdikhoyo alidliwa nja,
yaye unesisa kuko konke akwenzileyo.
14UNdikhoyo uyabaxhasa bonke abagqush' eluthulini,
abaphakamise bonke abathobekileyo.
15Iinto zonke zikhangela kuye ngethemba,
ke yena uyazondla ngexesha elililo.
16Ewe, yena zivulekile izandla zakhe,
izinto zonke uyazanelisa ngokweentswelo zazo.
17UNdikhoyo ulilungisa ngeendlela zonke,
unobubele kuko konke akwenzayo.
18UNdikhoyo ukufuphi kwabo babhenela kuye,
kwabo bamfuna benyanisekile.
19Uyabahlangabeza abo bamhlonelayo;
uyasabela bakuzibika, abahlangule.
20UNdikhoyo uyabalondoloza abo bamthandayo;
ke bona abakhohlakeleyo uya kubatshabalalisa.
21UNdikhoyo ndiya kusoloko ndimdumisa.
Mazimdumise zonke izidalwa,
zilincome igama lakhe elihloniphekileyo;
ewe, kude kube ngunaphakade.

Currently Selected:

IINDUMISO 145: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy