YouVersion Logo
Search Icon

IINDUMISO 4

4
Umthandazo wokucela uncedo ngokuhlwa
Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara; uphelekwa ngeentambula.
1Ndiphendule ndakukhala kuwe,
Thixo, mlondolozi wamalungelo am!
Wandikhulula embandezelweni yam;
yiba nenceba ke ngoko, uwuve umthandazo wam.
2Bantundini, koda kube nini na nindihlazisa?
koda kube nini nithand' ilize, niphuthaphuth' ubuxoki?
3Yazini ke ukuba *uNdikhoyo uyabathand' abantu bakhe;
uyandiva xa ndizibika kuye.
4Xa niqumbileyo, ze ningoni;
loo nto yetyiseni nithe cwaka kwiimandlalo zenu.
5Menzeleni amadini alungileyo,
nikholose ngaye uNdikhoyo.
6Baninzi abalangazelela okulungileyo.
Ndikhoyo, sikhangele ngobubele,
7usiphe ukuchulumacha okudlula okwâbo
bakufumana ngomdliva wengqolowa newayini.
8Ndiya kuphumla ngenzolo, ndilale;
nguwe kuphela kaloku, Ndikhoyo, ondinqabisayo.

Currently Selected:

IINDUMISO 4: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy