YouVersion Logo
Search Icon

ISITYHILELO 1

1
Intshayelelo
1Nasi isityhilelo esaboniswa uYesu Krestu nguThixo. Wasiboniswa khon' ukuze yena abonise izicaka zakhe izinto eziza kuhla kamsinya. Esi sityhilelo uYesu wasithumela ngesithunywa sezulu kwisicaka sakhe uYohane. 2Yena ke uYohane wayibhala wayixela yonke into awayibonayo. Ngoku ke uchaza udaba lukaThixo olo walutyhilelwa nguYesu Krestu. 3Unoyolo kambe umntu owafundayo amazwi olu daba, benoyolo nâbo bawaphulaphula bawathathele ingqalelo. Kaloku ixesha lokuzalisekiswa kwawo lisemnyango.
4Mna Yohane ndibhalela amabandla asixhenxe akwiphondo laseAsiya, ndisithi: Kuwo makube sisisa noxolo oluvela kuNdikhoyo, lowo wayekho, oya kusoloko ekho; nakubo ooMoya abasixhenxe abaphambi kwakhe ebhotwe; 5ngokunjalo nakuYesu Krestu, olingqina elithembekileyo, inkulu yâbo bavuka bebefile, nomlawuli wezikumkani zehlabathi. Kaloku yena lowo usithandayo, ngokuphalala kwegazi lakhe, usikhulule ezonweni zethu. 6Ewe, yena usenze ababingeleli basebhotwe ukuze sikhonze uThixo uYise. Mabube kuye ke ubungangamsha nolawulo nanini-nanini! *Amen.
7Khawukhangele, nanko esiza ekhatshwa ngamafu! Lonke uluntu luya kumbona, nkqu nabo bâmhlabáyo. Ewe, zonke izizwe ziya kungqukruleka zizisola. Injalo ke loo nto! Amen.
8“Ndim isiqalo nesiphelo,” itsho iNkosi uThixo, uSomandla, uNdikhoyo, owayekho, lowo uya kusoloko ekho.
UYohane ubona uKrestu
9NdinguYohane umwenu onenxaxheba ebunzimeni, kunyamezelo, nasekulawulweni – zinto ezo zisibandakanyayo thina bamanyiweyo noYesu. Ke kaloku ndazibona sendisesiqithini sePatimo ngenxa yokushumayela ilizwi likaThixo nokungqina ngoYesu. 10Kwathi ngomhla weCawe ndaba semandleni kaMoya, ndaza ndeva ilizwi lihlokoma ngathi lixilongo emva kwam. 11Lenjenje ukuthetha: “Ezi zinto uzibonayo zibhale encwadini, uzithumele kula mabandla osixhenxe: e-Efese, eSmirna, ePergamo, eTiyatire, eSardes, eFiladelfiya, naseLawodike.”
12Ndakhangela ngasemva, ndifuna ukuqonda ukuba ngaba lalilelikabani na eli lizwi ndandiliva lithetha nam. Ndithe ndakubheka, ndabona kumi izibane ezisixhenxe zegolide. 13Phakathi kwazo kwakukho into engathi ngumntu, itsho ngezivatho ezaziye kuthi xhaxhe ezinyaweni, ithe thande ibhanti yegolide esifubeni. 14Iinwele zayo zazimhlophe okwekhephu, itsho ngamehlo abukhali, alenya okwamadangatye omlilo. 15Yayineenyawo ezibengezela okobhedu olugudisiweyo, ilizwi layo livakala ngathi sisandi samanzi engxangxasi. 16Yayiphethe iinkwenkwezi ezisixhenxe ngesandla sokunene, emlonyeni kuphuma ikrele elibukhali, libazwe macala, ubuso bayo buqaqamba njengelanga mhla ligqats' ubhobhoyi.
17Ndithe ke ndakumbona, ndajuba ezinyaweni zakhe, ndanjengofileyo. Ke yena wasibeka phezu kwam isandla sakhe sokunene, wathi: “Musa ukoyika. Mna ndingowokuqala, ndikwangowokugqibela. 18Ndingohleliyo. Ndandifile. Kodwa khangela ndim lo ndikho, kuya kude kube nini-nini. Ukufa ndiyakulawula; kwanelabafileyo ndiyalilawula. 19Ngoko ke zibhale ezo zinto uzibone zisenzeka, kwanezo zenzekayo, neziya kuhla. 20Nantsi ke ingcaciso yento ethethwa ziinkwenkwezi ezisixhenxe ezisesandleni sam sokunene, kwanezibane ezisixhenxe zegolide: Iinkwenkwezi ezisixhenxe ngabameli bamabandla asixhenxe. Izibane ezisixhenxe zona ngamabandla lawo.”

Currently Selected:

ISITYHILELO 1: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy