YouVersion Logo
Search Icon

KWABASEROMA 10

10
1Mawethu, ndilangazelela ngayo yonke intliziyo yam ukuba amaSirayeli, abantu bakowethu, asindiswe, ndaye ndihlala ndimbongoza uThixo ngenxa yawo. 2Ndingawangqinela ukuba anenzondelelo ngezinto zikaThixo, kodwa engenalo ulwazi olululo. 3Akayazanga indlela uThixo abalungisa ngayo abantu, aza afuna ukuba ngamalungisa ngeyawo indlela. Ngokwenjenjalo ke akayithobelanga indlela uThixo abenza ngayo amalungisa abantu. 4Kaloku umthetho ufikelele esiphelweni ngoKrestu, khon' ukuze wonke umntu abe lilungisa kuba ekholwa.
Usindiso lolwabantu bonke
5Malunga nokuba lilungisa phambi koThixo ngokuthobela umthetho, uMosis ubhale esithi: “Umntu owugcinayo umthetho, wophila ngawo.” 6Kodwa malunga nokwenziwa ilungisa ngokholo kuthiwa: “Musa ukuthi entliziyweni yakho: Ngubani na oya kunyuka aye ezulwini?” (oko kukuthi ahlise uKrestu). 7“Okanye musa ukuthi: Ngubani na oya kuhla aye enzonzobileni?” (oko kukuthi ukuya kunyusa uKrestu kwabafileyo). 8Ngaba ke kukuthini oko? Kukuthi: “Ilizwi likaThixo likufuphi kuwe, lisemlonyeni wakho nasentliziyweni yakho.” Ilizwi lokholo esilivakalisayo nali: 9Ukuba uthe wavuma ngomlomo ukuba uYesu yiNkosi, wakholwa nangentliziyo ukuba uThixo wamvusa kwabafileyo, wosindiswa. 10Kaloku umntu ukholwa ngentliziyo, aze abe lilungisa phambi koThixo; uvuma ngomlomo, aze asindiswe. 11IziBhalo kaloku zithi: “Lowo ukholwayo kuye akayi kudaniswa.” 12Ke ngoko akukho mahluko phakathi komJuda nowolunye uhlanga, kuba le Nkosi inye ikwayinkosi yabo bonke. Kaloku ibasikelela ngesisa ngendyebo yayo bonke abo bazibika kuyo, 13kuba: “Lowo uzibika ebiza igama leNkosi wosindiswa.”
14Bangazibika njani kulowo bangàkholwayo kuye; bengakholwa njani bengevanga? Bangeva njani kungekho mntu ushumayelayo; 15bengashumayela njani bengathunywanga? Kaloku iziBhalo zithi: “Ngumbono omhle ukubukela izigidimi zisihla zinyuka zihambisa iindaba ezimnandi!” 16Kodwa asingabo bonke abazamkeleyo iindaba ezimnandi, njengoko atshoyo noIsaya ukuthi: “Nkosi, ngubani na othe wakholwa ludaba lwethu?” 17Ngoko ke ukholo luvuswa ngokuvakaliswa kodaba; ke lona udaba luvakalisa uKrestu.
18Ngaba awevanga na kodwa amaSirayeli? Ewe, avile. Kaloku iziBhalo zithi:
“Ukuhlokoma kwelizwi labo kuvakala kuwo wonke umhlaba;
namazwi abo afikelela eziphelweni zehlabathi.”
19Ngaba kodwa wona amaSirayeli ayengaqondi? Ukuphendula mandiqale ngoMosis othi:
“Mna ndiya kunenza nikhweletele uhlanga olungento;
ndiya kunixhokonxa ngohlanga olungenangqondo.”
20Ade atsho nokutsho uIsaya ukuthi:
“Ndifunyenwe ngâbo babengandifuni,
ndabonakala kwâbo babengabuzisi ngam.”
21Kanti ngokubhekiselele kumaSirayeli uthi:
“Imini yonke bendicengana nabantu abangevayo, abandiphikisayo.”

Currently Selected:

KWABASEROMA 10: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy