YouVersion Logo
Search Icon

KWABASEROMA 11

11
Uhlanga lwamaSirayeli alulahlwanga kwaphela
1Ngaba uThixo ubalahlile na abantu bakhe amaSirayeli? Nakanye! Nam ngokwam ndingumSirayeli, ndiyinzala ka-Abraham, ndingowendlu kaBhenjamin. 2UThixo akabalahlanga abantu bakhe awabanyula mhlamnene. Kaloku niyayazi *eziBhalweni indawo apho uEliya awamangalela khona kuThixo amaSirayeli, esithi: 3“Nkosi, amaSirayeli ababulele *abashumayeli bakho, namaqonga akho amadini awadilizile. Ndim ndodwa oseleyo, kwaye nam afuna ukundibulala.” 4Limphendula njani ke ilizwi likaThixo? Lithi: “Ndizishiyele amadoda angamawaka asixhenxe angamnqulanga *uBhali.” 5Kanti nangoku ke kukwanjalo. Lisekho iqaqobana elichongwe nguThixo ngokwesisa sakhe. 6Lona lachongwa nguThixo ngokwesisa sakhe, elibabala, engalinyuli ngenxa yezenzo zalo. Kaloku ukuba uThixo wayenyula abantu ngokwezenzo zabo, isisa sakhe asingebi saba sisisa.
7Kúthiweni ke ngoko? Makuthiwe amaSirayeli akayifumananga into awayeyizondelele. Kodwa iqaqobana elichongwe nguThixo layifumana, aza ke wona amanye aqaqadekiswa, 8njengoko iziBhalo zitshoyo ukuthi: “UThixo ubenze badengeka, baza àbabona ngamehlo, àbeva ngeendlebe; ibe ke unangoku basenjalo.” 9UDavide naye uthi:
“Mababanjwe, bavingcelwe kumatheko abo;
mabakhubeke, beve impindezelo.
10Mabamfanyekiswe, bangaboni,
babandezeleke maxa onke.”
11Ngaba isiwo samaSirayeli sawazisela intshabalalo? Nakanye! Kwathi ngesi siwo sawo usindiso lwazifikela iintlanga, khon' ukuze ziwavusele ikhwele. 12Esi siphoso samaSirayeli saluphathela intaphane yeentsikelelo uluntu; ngoko ke ukoyisakala kwawo kwaba yinzuzo enkulu ezintlangeni. Zobeka phi na ke ukusikeleleka iintlanga akuba amaSirayeli ezinikele ngokupheleleyo kuThixo!
Ukusindiswa kweentlanga
13Ngoku mandithethe nani, zintlanga. Okunene ekubeni mna ndingulowo *uthunywe kuzo iintlanga, ndizimisele ukuwenza ubalasele umsebenzi wam, 14ndide ndivusele amawethu ikhwele, ndiyisindise inxalenye yawo. 15Kaloku xa ukulahlwa kwawo kuxolelanise ihlabathi noThixo, koba njani ukwamkelwa kwawo? Kofana novuko lwabafileyo!
16Ukuba isonka sokuqala sentlama singcwalisiwe ngokwenziwa umnikelo, kwangokunjalo zingcwele zonke ezinye ezenziwe ngaloo ntlama. Ukuba iingcambu zomthi zingcwele, kwangokunjalo namasebe angcwele. 17Inxalenye yamasebe omnquma yaqhuzulwa kwamiliselwa amasebe omnquma wasendle esiqwini sawo. Nina ke, zintlanga, ningaloo masebe omnquma wasendle. Nanikwa inxaxheba kwincindi yeengcambu eziphilileyo zomnquma. 18Musa ke ukuziphakamisa kunamanye amasebe. Kakade ke wena ungaqhayisa ngantoni? Asinguwe kaloku othwele iingcambu, ziingcambu ezithwele wena!
19Kodwa wena uya kuthi: “Aqhuzulwa amasebe, ukuze kumiliselwe mna.” 20Unyanisile, aqhuzulwa ngenxa yokuba engakholwa, ke wena umi apho umiliselwe khona ngenxa yokuba ukholwa. Musa ke ukuba nekratshi, koko yoyika. 21Engawasindisanga nje kaloku uThixo amasebe omthi endalo, angákusindisa njani wena?
22Khawukhangele ke ububele nobungqongqo bukaThixo! Okunene úngqongqo kwabo bonayo, kodwa kuwe únobubele, ukuba ùthe wahlala kobu bubele. Kodwa kungenjalo wogawulwa nawe ngokwakho! 23Nawo ke amaSirayeli, ukuba ayahlukana nalo eli phike lawo lokungakholwa, omiliselwa kwakhona. Kaloku uThixo unako ukubuya awamilisele. 24Nina zintlanga nikhiwe kumnquma wasendle, naza nathi ngokunxamnye nemvelo namiliselwa kumnquma otyaliweyo. NgamaSirayeli kaloku amasebe omnquma otyaliweyo. Ngenxa yaloo nto ke kulula kuThixo ukuwamilisela kwakuloo mnquma.
UThixo unenceba kubo bonke
25Mawethu, andithandi ukuba ningayazi le mfihlakalo, hleze nizicingele ukuba niziingqondi, le yokuba inxalenye yamaSirayeli yoqaqadeka lide inani elizeleyo leentlanga liphelele. 26Kwakuba kunjalo ke xa ewonke uSirayeli uya kusindiswa, njengoko zitshoyo *iziBhalo ukuthi:
“Uya kuvela *eZiyon uMsindisi,
akuphelise kwindlu kaYakobi ukungahloneli-Thixo;
27nguwo lo ke umnqophiso wam nabo,
mhla ndothi ndizicime izono zabo.”
28Ngokuzichasa iindaba ezimnandi amaSirayeli aziintshaba zikaThixo, nto leyo inincedayo ke nina zintlanga. Kodwa ke ngokonyulo lukaThixo aziintanda zakhe ngenxa *yamanyange. 29Kaloku uThixo akalujiki ubizo lwakhe, engazisoli nangezibabalo zakhe. 30Nina ke zintlanga benifudula ningamthobeli uThixo, kodwa ngoku nenzelwe inceba ngenxa yokungamthobeli kwamaSirayeli. 31Kwangokunjalo namaSirayeli akamthobeli ngoku uThixo, ngenxa yenceba eniyenzelweyo nina, ukuze kamva enzelwe inceba nawo. 32Kaloku uThixo wabaquka bonke abantu ekungamthobelini, ukuze abenzele inceba xa bebonke.
Makabongwe uThixo
33Hayi ke bethu ubukhulu bobuhandiba bukaThixo, nobunzulu bobulumko nokwazi kwakhe! Asikuko nokuba aziphengululeki izigqibo zakhe, azilandeki iindlela zakhe! 34Kanene:
“Ngubani na owakha wayazi ingqiqo yeNkosi,
ingubani na owakha waba ngumcebisi wayo?
35Ngubani khona owakha wayiboleka nto,
waza wabuyekezwa ngayo?”
36Kaloku zonke izinto ziphuma kuyo iNkosi, zikho ngayo, zikholo yona. Mayidunyiswe ke iNkosi kude kube ngunaphakade! *Amen.

Currently Selected:

KWABASEROMA 11: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy