YouVersion Logo
Search Icon

KWABASEROMA 12

12
Ihambo yomKrestu
1Ndiyanikhuthaza ngoko, mawethu, ngenxa yenceba kaThixo, ukuba nizinikele nina ziqu nibe lidini eliphilayo, elingcwele, elikholekileyo kuThixo. Leyo ke yindlela yenu efanelekileyo yokukhonza uThixo ngengqiqo. 2Musani ke ukuthatha isimilo sabantu beli phakade, kodwa iingqondo zenu maziguquke zihlaziyeke, nize niyivume intando kaThixo, yona ilungileyo, ikholekileyo, igqibeleleyo.
3Ngalo ubabalo endababalwa ngalo ndithi kuni nonke: Musani ukuzicingela ngaphezu koko umntu amelwe kukuzicingela ngako. Ndaweni yaloo nto yibani neengcinga ezithobekileyo. Elowo nalowo makazikhuthaze ngokokholo aluphiwe nguThixo. 4Kaloku, kwanjengokuba sinamalungu amaninzi mzimbeni mnye, abe ke onke amalungu la engenamsebenzi mnye, 5ngokunjalo thina aba, sibaninzi nje, simzimba mnye ngokumanywa noKrestu. Sonke ke ngabanye singamalungu omnye elomnye. 6Masizisebenzise ke iziphiwo ezahlukeneyo esababalwa ngazo nguThixo. Ukuba sinesiphiwo sokuvakalisa ilizwi elivela kuThixo, masilivakalise ngokokholo esinalo. 7Ukuba sinesiphiwo sokukhonza abanye, masizingise ekukhonzeni. Ukuba sinesiphiwo sokufundisa, masifundise kangangoko sinako. 8Ukuba sinesiphiwo sokukhuthaza, masiqine ekukhuthazeni. Ongumabi makazabe izipho ngesisa. Owongameleyo makongamele ngenzondelelo. Owenza inceba makayenze echwayitile.
9Uthando malungabi naluhanahaniso. Yithiyeni inkohlakalo; bambelelani kokulungileyo. 10Thandanani ngokwabazalanayo. Shiyiselanani ngokwenzelana imbeko. 11Zondelelani ningatyhafi. Yibani nefuthe loMoya. Yikhonzeni iNkosi. 12Vuyani, ninethemba nje, ninyamezele ezimbandezelweni zenu, nithandaze ningayeki. 13Ziboneleleni iintswelo zamakholwa, nizikhathaze ngokubuka iindwendwe.
14Basikeleleni abanitshutshisayo; sikelelani, ningaqalekisi. 15Vuyani nabavuyayo, nilile nabalilayo. 16Yibani moya mnye. Musani ukusukela amawonga; yaneliswani kukuzithoba. Musani ukuzicingela ukuba niziingqondi.
17Musani ukubuyekeza ububi ngobubi. Zimiseleni ukwenza okulungileyo phambi kwabantu bonke. 18Yenzani unako-nako ukuhlalisana ngoxolo nabantu bonke. 19Zihlobo, musani ukuziphindezela ngokwenu. Impindezelo yiyekeleni ingqumbo kaThixo, njengoko *iziBhalo zitshoyo ukuthi: “Impindezelo yeyam, kuya kubuyekeza mna, itsho iNkosi.” 20Kaloku iziBhalo zikwatsho nokuthi: “Ukuba utshaba lwakho lulambile, luphe into etyiwayo; ukuba lunxaniwe, luphe into eselwayo; kuba ngokwenjenjalo ke, woba uluvisa udano, khon' ukuze luguquke.” 21Musa ukoyiswa bububi; boyise ububi ngokulungisa.

Currently Selected:

KWABASEROMA 12: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy